ISBN:
978-0-620-99539-9 (e-book)
Read Online:
Hadith 1: Unyanzeleka kokuba ufumane ingeniso
طَلَبُ الْحَلَالِ وَاجِبٌ عَلَى كُلِّ مُسْلِمٍ
U-Hazrat Anas Ibni Malik radhiallahu anhu uchaza ukuba uRasoolullah sallallahu alaihi wa sallam wathi: “Kulunyanzelo kumaMuslim onke ukuba akhangele ingeniso eHalaal.” (Tabrani)
Hadith 2: Inqanaba lokushishina
طلب الحلال فريضة بعد الفريضة
U-Hazrat Abdullah Ibni Masud radhiallahu anhu uchaza ukuba uRasoolullah sallallahu alaihi wa sallam wathi: “Ukufuna ingeniso eHalaal kulunyanzelo emva kokugqiba ezinye izinto ezilunyanzelo.” (Bayhaqi)
Hadith 3: Ukoneliseka
مَا أَكَلَ أَحَدٌ طَعَامًا قَطُّ خَيْرًا مِنْ أَنْ يَأْكُلَ مِنْ عَمَلِ يَدِهِ، وَإِنَّ نَبِيَّ اللَّهِ دَاوُدَ ـ عَلَيْهِ السَّلاَمُ ـ كَانَ يَأْكُلُ مِنْ عَمَلِ يَدِهِ
Kuthiwa uRasoolullah sallallahu alaihi wa sallam wathi: “Akukho namnye umntu utye ukutya okungcono kunokutya akusebenzeleyo ngezandla zakhe. Inene umProfethi ka-Allah uDawood alaihis salam wayesitya oko akusebenzele ngezandla zakhe.” (Bukhari)
Hadith 4: Ingeniso engcono
ما كسبَ الرَّجلُ كَسبًا أطيبُ من عملِ يدِه وما أنفقَ الرَّجلُ على نفسِه وأهلِه وولدِه وخادِمِه فهو صدَقةٌ
URasoolullah sallallahu alaihi wa sallam wathi, “Akukho ngeniso ingcono kunaleyo umntu ayisebenzeleyo. Lowo uchitha imali kwisiqu sakhe, izizalwana, abantwana bakhe kunye nabasebenzi bakhe, konke oko kungumnikelo (ufumana umvuzo womnikelo).” (Ibn Majah)
Hadith 5: Ushishino nokusindisa ubom
َتِسعةُ أعشارِ الرِّزقِ في التَّجارةِ
URasoolullah sallallahu alaihi wa sallam wathi, “Isithoba eshumini sesondlo sisuka kushishino.” (Al Jaami al Sagheer)
Hadith 6: Umvuzo wokushishina
َأيما رجل اكتسب مالا من حلال فأطعم نفسه أو كساها فمن دونه من خلق الله كان له به زكاة
UHazrat Abu Saeed radhiallahu anhu uchaza ukuba uRasoolullah sallallahu alaihi wasallam wathi, “Lo mntu ufumana ubutyebi obuHalaal, emva koko atye okanye azinxibise impahla okanye atyise okanye anxibise nayiphi na indalo ka-Allah, eso senzo sakhe siyakubhalwa njengesisa (egameni lakhe).” (Ibn Hibban)
Hadith 7: Ingeniso esulungekileyo
َطوبى لمن طاب كسبه
Naseeh Al–Ansi RadhiAllahu Anhu ubalisa ukuba uRakb Al-Misr RadhiAllahu Anhu uchaza ukuba uRasoolullah Sallallahu Alayhi Wasallam wathi, “Zindaba ezimnandi kwabo ingeniso yabo iHalaal.” (Ibni Abi Dunya)
Hadith 8: Ukuzimela ngokwezimali
لأَنْ يَحْتَطِبَ أَحَدُكُمْ حُزْمَةً عَلَى ظَهْرِهِ خَيْرٌ لَهُ مِنْ أَنْ يَسْأَلَ أَحَدًا فَيُعْطِيَهُ أَوْ يَمْنَعَهُ
U-Hazrat Abu Hurairah RadhiAllahu Anhu uchaza ukuba uRasoolullah Sallallahu Alayhi Wasallam wathi, “Kungcono ukuba umntu athwale inyanda yenkuni (ayoyithengisa) kunokuba ahambe ecela amalizo apho kusenokwenzeka ayinikwe lonto ayicelayo okanye angayinikwa.” (Bukhari)
Hadith 9: Inqanaba eliphezulu
التاجر الصدوق تحت ظل العرش يوم القيامة
UHazrat Anas RadhiAllahu Anhu uchaza ukuba uRasoolullah Sallallahu Alayhi Wasallam wathi, “Inene usomashishini onyanisekileyo uyakuhlaliswa phantsi komthunzi weTrone ka-Allah ngemini yoMgwebo.” (Targheeb)
Hadith 10: Umsebenzi ohloniphekileyo
إنَّ اللهَ يحبُّ المؤمنَ المحترفَ
U-Abdullah Ibni Umar RadhiAllahu Anhuma uchaza ukuba uRasoolullah Sallallahu Alayhi Wasallam wathi, “Inene u-Allah uyalithanda ikholwa elizigcina lixakekile ngokushishina.” (Tabarani)
Hadith 11: Ukusebenza nzima
إن الله تعالى يحب المؤمن المبتذل الذي لا يبالي ما لبس
URasoolullah Sallallahu Alayhi Wasallam wathi, “U-Allah Ta’ala uyalithanda ikholwa elingusomashishini osebenza nzima, yena ungayikhathalelanga nempahla ayinxibayo.” (Al Jami Sagheer)
Hadith 12: Umsebenzi onzima
من أمسى كالا من عمل يديه أمسى مغفورا له
UHazrat Aishah RadhiAllahu Anhu uchaza uku ba uRasoolullah Sallallahu Alayhi Wasallam wathi, “Nawuphi na umntu othi azive ediniwe ngenxa yokusebenza zonke izono zakhe xa bufika ubusuku ziyaxolelwa zonke.” (Tabarani)
Hadith 13: Usomashishini ot hambileyo
رحم الله امرءًا سَمْحًا إذا باع، سَمْحًا إذا اشترى، سَمْحًا إذا اقتضى
UHazrat Jabir RadhiAllahu Anhu uchaza ukuba uRasoolullah Sallallahu Alayhi Wasallam wathi, “Inga u-Allah Ta’ala angahlisela inceba yaKhe kulowo uthambileyo xa ethengisa naxa ethenga kunye naxa kufuneka ebhatelwe.” (Bukhari)
Hadith 14: Usomashishini onyanisekileyo
التاجر الصدوق الأمين مع النبيين والصديقين والشهداء
URasoolullah Sallallahu Alayhi Wasallam wathi, “Inene usomashishini onyanisekileyo othembakeleyo ngemini yoMgwebo uyakuhlala nabaProfethi baka-Allah kunye namakholwa amoyikayo u-Allah kunye nalo maMUslim asweleka ekhusela i-Islam.” (Tirmidhi)
Hadith 15: Indlela yokuziphatha kushishino
إِنَّ التُجَّارَ يُبعَثُونَ يَومَ القِيَامَةِ فُجَّارًا ، إِلَّا مَن اتَّقَى اللَّهَ وَبَرَّ وَصَدَقَ
Ngemini yoMgwebo osomashishini bayakuvuswa bengabantu abagabadeleyo naboni ngaphandle kwabo bamoyikayo (u-Allah Ta’ala) kwaye bethetha inyani[abenzi sono ngethuba beshishina. (Tirmidhi)
Hadith 16: Indlela yokuziphatha kushishino
إنَّ أَطْيَبَ الكَسْبِ كَسْبُ التجارِ : الذين إذا حَدَّثوا لم يَكْذِبوا ، وإذا ائْتُمِنوا لم يَخُونُوا ، و إذاوَعَدُوا لم يُخْلِفوا ، وإذا اشْتَرَوْا لم يَذُمُّوا ، وإذا باعُوا لم يُطْرُوا ، وإذا كان عليهم لم يَمْطُلُوا وإذا كان لهم لم يُعَسِّرُوا
URasoolullah Sallallahu Alayhi Wasallam wathi, “Eyona ngeniso ingcono yileyo kasomashishini othetha inyani akaqhathi, xa ethembisa akenzi okuphikisana nesithembiso, xa ethenga akathethi kakubi ngoko akuthengayo kwaye angakuncomi oko akuthengisayo, kwaye akabaleki xa kufuneka ebhatele, kwaye akaleqani nabo bamtyalayo.” (Targheeb)
Hadith 17: Imigaqo yoshishino
إن التاجر إذا كان فيه أربع خصال طاب كسبه، وإذا اشترى لم يذم، وإذا باع لم يمدح، ولم يدلس في البيع ولم يحلف فيما بين ذلك
UHazrat Umamah RadhiAllahu Anhu uchaza ukuba uRasoolullah Sallallahu Alayhi Wasallam wathi, “Xa kusomashishini kufumaneka ezimpawu zine ingeniso yakhe inyulu, 1. ukuba akazigxeki izinto azithengileyo, 2. akazincomi ukwegqithisa oko akuthengisayo, 3. Akaqhathi xa ethengisa kwaye, 4. Akufungi xa ethenga okanye ethengisa.” (Al Isbahani)
Hadith 18: Mxhaseni usomashishini
أوصيكم بالتجار خيرا فإنهم برد الآفاق، وأمناء الله في الأرض
UHazrat Ibni Abbas RadhiAllahu Anhuma uthi, “Ndinicebisa ukuba nibaphathe kakuhle osomashishini kuba bangabathunywa phakathi kwamazulu bangaphathiswa baka Allah emhlabeni.” (Daylami)
Hadith 19: Ukuzimela kwezo qoqosho
عليكم بالتجارة لا تفتنكم هذه الحمراء على دنياكم
UHazrat Umar RadhiAllahu Anhu uthi, “Ndiyanicebisa ukuba nithabathe inxaxheba kushishino, khona ukuze aba babomvu (abo bangengawo amaMuslim) bangabi ngumqobo kwimicimbi yenu yase mhlabeni.” (Atabiya)
Hadith 20: Ukushishina ngentseni
اللَّهمَّ بارك لأمَّتي في بكورِها
UHazrat Sakhar Ghaamidi uchaza ukuba uRasoolullah Sallallahu Alayhi Wasallam wayedla ngokwenza le Dua, “Yini na Allah sikelela abalandeli bam kwimizamo yabo ekuseni.” (Tirmidhi)
UHazrat Sakhar RadhiAllahu Anhu wayengumrhwebi wayenika ingqwalasela ekuthumeni abameli bakhe boshishino ekuseni. Ngale ndlela wazenzela ingeniso eninzi njalo waba uzenzela ubutyebi obuninzi.
Hadith 21: Ulimo
مَا مِنْ مُسْلِمٍ يَغْرِسُ غَرْسًا، أَوْ يَزْرَعُ زَرْعًا، فَيَأْكُلُ مِنْهُ طَيْرٌ أَوْ إِنْسَانٌ أَوْ بَهِيمَةٌ، إِلاَّ كَانَ لَهُ بِهِ صَدَقَةٌ
UHazrat Anas RadhiAllahu Anhu uchaza ukuba uRasoolullah Sallallahu Alayhi Wasallamwathi, “Akukho namnye kumaMuslim othi atyale umthi, atyale imbewu, emva koko intaka okanye umntu okanye isilwanyana sitye (kweso sivuno) konke (okokutyala) kuyakuthatyathwa njengomnikelo wayo.” (Muslim)
Hadith 22: Isidima sokurhweba
وعن كعب بن عجرة قال : مر علي النبي – صلى الله عليه وسلم – فرأى أصحاب النبي – صلى الله عليه وسلم – في جلدة ونشاطة فقالوا : يا رسول الله ، لو كان هذا في سبيل الله ؟ فقال رسول الله – صلى الله عليه وسلم : ” إن كان خرج يسعى على ولده صغارا فهو في سبيل الله ، وإن كان خرج يسعى على أبوين شيخين كبيرين فهو في سبيل الله ، وإن كان خرج يسعى على نفسه يعفها فهو في سبيل الله ، وإن كان خرج يسعى رياء ومفاخرة فهو في سبيل الشيطان
UHazrat Ka’b Ibni Ujrah RadhiAllah Anhu uthi, Ngenye imini indoda ethile yagqitha kuRasoolullah Sallallahu Alayhi Wasallam. AmaSahaba athi akubona amandla ayo, athi, (Bekuzakuba kuhle) ukuba ebephume endlwini yakhe esiya (kulwa) kwindlela ka-Allah, URasoolullah Sallallahu Alayhi Wasallam wathi, “Ukuba uphume endlwini yakhe khona ukuze azokondla abantwana bakhe, njalo uyakuba usendleleni ka-Allah, kwaye ukuba uphume khona ukuze azokondla abazali abadala, nanjalo uyakuba uyakuba usendlelen ka-Allah.Ukuba uzamela ukufumana isondlo sesiqu sakhe khona ukuze angangqibi nanjalo usendleleni ka-Allah. Kodwa ukuba uzamela ukufumana isondlo khona ukuze azokuzigwagwisa kwaye aziphakamise kwabanye abantu njalo uyakuba usendleleni kaSathana.” (Tabrani)