Read Online:
Hadith 1 Part 1
U-Salmaan RadhiAllahu Anhu uchaza ukuba, “Kwisuku lokugqibela le Sha-baan uRasoolullah sallallahu alayhi wasallam wathetha nathi esithi, O bantu iyeza kuni inyanga enkulu, inyanga esikekekileyo kuyo apho kukho ubusuku obungcono kune nyanga eziliwaka. Yinyanga apho u-Allah enze ukuzila (fasting) kwalunyanzelo. Kwaye Wenza kwayi Sunnah ukwenza iTaraweeh ebusuku. Nawuphina ofuna ukusondela ku-Allah ngokwenza okulungileyo, umntu onjalo uyakufumana umvuzo ofanayo nalowo ufunyanwe ngumntu ebenze iFardh ngaphandle kwale nyanga (yeRamadhaan). Nawuphina owenza iFardh (kule nyanga) uyakufumana umvuzo weFaraaidh ezingamashumi asixhenxe ngaphandle kwale nyanga (Ramadhaan).
Lena Inene yinyanga yenyameko, umvuzo wenyameko yokwenene yiParadesi. Yinyanga yovelwano nabanye abantu. Yinyanga apho ikholwa lokwenene siyongezelelwa isondlo salo. Nawuphina lowo uthi anike ukutya umntu ozilileyo khona ukuze azokukhulula inzila(fast) ukutshona kwelanga, kumntu onikezela ngokutya uyakuxolelwa izono zakhe kwaye aqinisekiswe ngokukhululwa kumlilo wesihogo, kwaye lowo unikezele ngokutya uyakufumana umvuzo ofanayo nalowo ebezilile, ngaphandle kokuba unciphe umvuzo (walowo ebenikwe ukutya).
Hadith 1 Part 2
Sabuza sathi, “O Mthunywa ka Allah, hayi sonke siyakwazi ukunika umntu ozilileyo ukutya (kokukhulula ukuzila.” URasoolullah sallallahu alayhi wasallam waphendula wathi, “U-Allah uzakuwunika lo mvuzo(wokunika ukutya umntu ozilileyo) lowo uthe wanika umntu ozilileyo ukuba akhulule inzila yakhe nokuba kunge Date, amanzi okanye ithontsi lebisi.”
Le yinyanga apho,iintsuku zokuqala(ezilishumi) u-Allah uhlisa inceba Yakhe, kwiintsuku ezilishumi (eziphakathi) u-Allah uxolela izono nangakumbi, ukuze iintsuku zokugqibela (ezilishumi) kulapho u-Allah akhulula abantu esihogweni.” “Kule nyanga zine izinto ekufuneka uzenze nangakumbi, ezimbini kuzo kukuvuyisa iNkosi yenu, ezimbini kuzo zezo ungenakwazi ukuhlala ngaphandle kwazo. Ezo kufuneka uvuyise iNkosi ngazo, uzenze rhoqo kaninzi ukungqina ukuba akukho namnye ofanelwe ukukhonzwa ngaphandle kuka-Allah (Kalimah Tayyibah LAA ILAAHA ILLALLAH) kwaye ucele ukuxolelwa izono (istighfaar). Ezo ungenakwazi ukuhlala ngaphandle kwazo, kukuba rhoqo ucele u-Allah ukuba akungenise eParadesi(Jannah) ucele ukuba u-Allah akukhusele kwisihogo.”
Lowo uyakuthi anike amanzi lowo ebezilile, u-Allah uyakumnika amanzi okusela kwiqula lam apho angasokuze aphinde anxanwe ekubeni ekulo ade abe uyangena kwiParadesi(Jannah).” (Ibne Khuzaimah in Saheeh)
Hadith 2
U-Abu Hurairah RadhiAllahu Anhu uchaza ukuba uRasoolullah sallallahu alayhi wasallam wathi, I-Ummah (ibandla lam) yanikwa izinto ezintlanu ngeRamadhaan, ezinga zange zanikwa mntu ngaphandle kwawo. Kubo ivumba (elibi) eliphuma emlonyeni walowo uzilileyo umnandi ku-Allah kune vumba lemusk. Iintlanzi elwandle zicelela ukuxolelwa kwezono kwabo bazile inyanga yeRamadhaan bade babe bayayikhulula ifast. U-Allah ulungisa kwaye ehombisa isitiya esisodwa eJannah yonke imihla esithi kuso, ixesha lisondele ukuba izicaka zam zamakholwa zikhululeke kwezinzima zelihlabathi zize kuwe (Jannah). Kule nyanga ooSathana abanobubi bayakukhonxwa khona ukuze bangafikeleli kubo ngendlela ebebeqhele ukufikelela ngayo ngaphandle kwale nyanga yeRamadhaan. Ekupheleni kweRamadhaan izono zabo ziyaxolelwa.” AmaSahaba RadhiAllahu Anhum emva koko abuza, “O Mthunywa ka-Allah ,Ingaba obubusuku bokugqibela yiLaylatul Qadr?” URasoolullah sallallahu alayhi wasallam waphendula, “Hayi Kodwa kufanelekile ukuba isicaka sifumane umvuzo waso emva kokwenza umsebenzi.” (Ahmad, Bazzar kunye neBayhaqi)
Hadith 3
UKa’b ibne Ujra uchaza ukuba uRasoolullah sallallahu alayhi wasallam wathi, Sondelani kwiMimbar Sonke sasondela kwi Mimbar. Ukukhwela kwakhe kwisitephu sokuqala semimbar wathi “Aameen.” Ukukhwela kwakhe isitephu sesibini semimbar wathi, Aameen. Ukukhwela kwakhe kwisitephu sesithathu wathi, “Aameen.” Ekubeni ehlile (kwiMimbar) sathi, O Mthunywa ka-Allah, namhlanje sive kuwe into esingazange siyive kuwe ngaphambili.” Wathi: (Ekubeni ndikhwele kwisitephu sokuqala) uGabriyeli alaihis salaam uzile kum wathi, Yeha kulowo ufumene inyanga yeRamadhaan kodwa angafumani kuxolelwa ngu-Allah.”Mna ndathi Aameen.” Ukukhwela kwam isitephu sesibini, wathi (uGabriyeli) “Yeha kulowo uva igama lam likhankanywa kodwa angathumeli iDurood (Salaat Alan Nabi) kuwe.” Mna Ndathi “Aameen.” Ukukhwela kwam isitephu sesithathu uthe (uGabriyeli), “Yeha kulo mntu unabo abazali bobabini okanye umzali omnye abathe bafikelela ebudaleni, kodwa (ngokusilela ekubancedeni) angalingeni iZulu (Jannah) ngenxa yabo.” Mna ndathi “Ameen.” (Haakim)
Hadith 4
U-Ubaadah bin Saamit Radhia Allahu Anhu uchaza ukuba uRasoolullah sallallahu alayhi wasallam ngamini ithile ngethuba apho iRamdhaan yayisele isondele, iRamdhaan inyanga yeentsikelelo ifikile kuni, apho u-Allah athe ajonge kuni kwaye athumele kuni inceba ekhethekileyo,ukuxolelwa kwezono, womnkela imithandazo, ujonga nokukhuphisana kwenu ekwenzeni okulungileyo kwaye aqhayise kwiiNgelosi zakhe ngani. Bonisa u-Allah okulungileyo kwenu. Inene (oyena mntu) osizelekayo nonelishwa ngulowo uphoswayo yinceba ka-Allah kule nyanga. (Tabraani)
Hadith 5
U-Abu Saeed Khudri RadhiAllahu Anhuma uchaza ukuba uRasoolullah sallallahu alayhi wasallam wathi: U-Allah imini nobusuku rhoqo ngenyanga yeRamadhaan ukhulula inani elininzi labantu esihogweni. Imini nobusuku rhoqo u-Allah kukho ixesha apho omnkela idua yayo yonke iMuslim. (Bazzar)
Hadith 6
U Abi Hurairah RadhiAllahu Anhu uchaza, ukuba uRasoolullah sallallahu alayhi wasallam wathi: Bathathu abantu idua zabo ezingakhatywayo, umntu ozilileyo ade abe uyayikhulula inzila, inkokheli eli lungisa kunye nedua yomntu ocinezelweyo’yena idua yakhe u-Allah uyayinyusa igqithe emafini iingcango zamazulu zivulelwe yona (Dua ukuba ingene kwaye athi u-Allah, Ndiyafunga ngentlonipheko Yam, inene ndizakunceda nokuba kusemva kwexesha.” (Ahmad)
Hadith 7
U-Ibni Umar RadhiAllahu Anhu uchaza ukuba uRasoolullah sallallahu alayhi wasallam wathi, u-Allah neeNgelosi zakhe bathumela iinceba kwabo batya iSuhoor (ukutya ekutyiwa ekuseni phambi kokuqalisa ukuzila).” (Tabraani)
Hadith 8
u-Abu Hurairah RadhiAllahu Anhu uchaza ukuba uRasoolullah sallallahu alayhi wasallam wathi, Baninzi abazili (ngeRamadhaan) abangazuzi nto ngokuzila ngaphandle kokulamba, Baninzi nabo bathandazayo ebusuku (Taraweeh), kodwa bangazuzi nto ngawo (lo mthandazo) ngaphandle kokungonwabi kukungalali ebusuku.” (Ibn Majah)
Hadith 9
U-Abu Ubaidah RadhiAllahu Anhu uchaza ukuba, “Ndeva uRasoolullah sallallahu alayhi wasallam esithi, Ukuzila likhaka ngaphandle kokuba ayilophulanga.” (Ibn Majah)
Hadith 10
U-Abu Hurairah RadhiAllahu Anhu uchaza ukuba uRasoolullah sallallahu alayhi wasallam wathi, Nawuphina lowo uthi atye usuku olunye lweRamadhaan ngaphandle kwesizathu okanye ngenxa yesigulo (ezomnkelekileyo kwi Shariah) akanakwazi ukulibuyisa olo suku nokuba unokuzila ubomi bakhe bonke. (Ahmad)
Lailatul Qadr
Hadith 1
U-Abu Hurairah RadhiAllahu Anhu uchaza ukuba uRasoolullah sallallahu alayhi wasallam wathi, “Nawuphina lowo uthi eme ethandaza kwaye esenza i-Ibaadah ngobusuku bamandla (Laylatul Qadr) ngokunyanisekileyo ngenkolo nangethemba lokufumana umvuzo, izono zakhe zexesha eligqithileyo ziyakuxolelwa.” (Bukhari)
Hadith 2
U -Anas RadhiAllahu Anhu uchaza ukuba, Xeshikweni kuqalisa iRamdhaan, umThunywa ka-Allah sallallahu alayhi wasallam wathi, “Ifikile kuni inyanga apho kuyo kukho ubusuku obungcono kune nyanga eziliwaka. Nawuphina osileleyo ukufumana iintsikelelo zabo Inene uphulukene nako konke okulungileyo. Akukho namnye ophulukana nokulungileyo kwabo ngaphandle kwalowo ngokwenyani. ” (Ibn Majah)
Hadith 3
U-Anas RadhiAllahu Anhu uchaza ukuba uRasoolullah sallallahu alayhi wasallam wathi: “Ngobusuku bamandla uGabriyeli alayhi Salaam uyehla eze emhlabeni neqela lee Ngelosi, bethandazela ukuba kusikelelwe zonke izicaka zika-Allah ezimileyo okanye ezihleli phantsi zithandaza zikhumbula u-Allah. Ngemini ye -Eid u-Allah uyaqhayisa ngabo kwiiNgelosi, “O ziNgelosi, yintoni na umvuzo womsebenzi othe wawenza wonke umsebenzi wakhe? Ziyakuphendula (iNgelosi), O Mgcini wethu, kufuneka afumane umvuzo wakhe ngokupheleleyo.” Kulo mpendulo u-Allah; O ziNgelosi Zam, Inene izicaka Zam ezingamadoda nezingabafazi ziluqabelisile umsebenzi ubusemagxeni azo, kengoko ziphumile ukuya kwi Eidgah zinyuse amazwi ngesikhungo (Dua) Kum. Ndiyafunga ngokuhlonipheka kwam nangozuko Lwam nangokuphakama Kwam, ndizakuziphendula izicelo Dua zabo.” U Allah ethetha nabo uthi “Buyelani emakhaya, Inene ndizixolele izono zenu kwaye Izenzo zenu ezibi Ndizitshintshe yazezilungileyo.” URasoolullah sallallahu alayhi wasallam wathi, babuya bonke abo bantu izono zabo zixolelwe. (Baihaqi)
Hadith 4
U-Aishah RadhiAllahu Anhu uchaza ukuba uRasoolullah sallallahu alayhi wasallam wathi, “Khangela iLaylatul Qadr kubusuku obumnqakathi beentsuku ezilishumi zokugqibela kwiRamadhaan.” (Mishkaat)
Hadith 5
U-Ubaadah bin Saamit RadhiAllahu Anhu uthi Waphuma uRasoolullah sallallahu alayhi wasallam ezo kusazisa ngokuchanekilyo usuku lwe Laylatul Qadr. (Ngelishwa) Kwabakho ingxabano kwama phakathi kwamaMuslim amabini, kulapho wathi (uRasoolullah sallallahu alayhi wasallam) Ndiphume uzokunixelela ukuba inini na iLaylatul Qadr, kuba kubekho abantu ababini abaxabanayo (usuku oluchanekileyo lwe Laylatul Qadr) luye lwaphuma engqondweni yam. Kunokwenzeka ukuba kokona kungcono kuni. Kengoko yikhangeleni ngomhla wesithoba, wesixhenxe kunye nobusuku besixhenxe.” (Mishkaat)
Hadith 6
U U-Ubaadah bin Saamit RadhiaAllahu Anhu uchaza ukuba wabuza uRasoolullah sallallahu alayhi wasallam malunga neLaylatul Qadr, Waphendula, wathi inge Ramadhaan kwiintsuku ezilishumi zokugqibela kwiintsuku ezimnqakathi, kumhla we 21, 23, 25, 27, 29. Nawuphi na othi achithe obubusuku kwi i-Ibaadah ngokunyanisekileyo nenkolelo yokuba uzakufumana umvuzo, izono zakhe ezagqithayo ziyakuxolelwa. Ezinye zeempawu zobubusuku kukuba iyaphola,ubusuku bukhazimle, bungabishushu kakhulu kwaye bungabandi kakhulu, inyanga iyacwenga ngaphandle kwemitha. OSathana nabo abagityiselwa ngeenkwenkwezi ngobu busuku kude kufike umsobomvu. Enye yeempawu kukuba ilanga liphuma lingenayo imitha ehlabayo, likhangeleka ingathi yinyanga egcweleyo. Ngalo mini u-Allah akabavumeli ooSathana ukuba bavuke ukuphuma kwelanga. (Manthoor)
Hadith 7
U-Aishah RadhiAllahu Anha uchaza ukuba Ndathi “O Mthunywa ka Allah, Ukuba ndinokuyazi (ngokuqinisekileyo) ukuba inini na iLaylatul Qadr, kufuneka ndithini? URasoolullah sallallahu alayhi wasallam waphendula wathi, “Ithi O Allah Inene wena uyakuthanda ukuxolela, kengoko ndixolele.” (Ahmed)
Itikaaf
Hadith 1
U Abu Saeed Khudri RadhiAllahu Anhu uchaza ukuba uRasoolullah sallallahu alayhi wasallam ngaxesha lithile wenza i-i’tikaf kwiintsuku zokuqala zenyanga yeRamadhaan. Emva koko wenza i-Itikaaf kwiintsuku ezilishumi eziphakathi kwintente eyenziwe eTurkey (ngaphakathi emasjid). Emva koko wakhupha intloko ngaphandle ententeni wathi: Ngenxa yokukhangela iLaylatul Qadr ndenze i-Itikaaf kwiintsuku ezilishumi zokuqala zeRamadhaan, ndaphinda ndahlala I’tikaf kwiintsuku ezilishumi eziphakathi. Kwafika kum iNgelosi yathi kum, (i-Itikaaf) ikwiintsuku ezilishumi zokugqibela (kwiRamadhaan) nawuphina umntu ebehleli i-Itikaaf nam kufuneka aqhubekeke nakwezintsuku zilishumi zokugqibela, “Inene ndandi bubonisiwe obabusuku (Laylatul Qadr) kodwa ndenziwa ndabu libala. Inene ndazibona ndiqubuda (ndisenza isujood) ku Allah ibunzi liseludakeni kwintsasa esemva kobobusuku. Khangela iLaylatul Qadr kubusuku obulishumi bokugqibela beRamadhaan; Bukhangele kubusuku bezontsuku zimnqakathi.”
U-Abu Saeed Khudri RadhiAllahu Anhu uthi ngobobusuku bunye yanetha kakhulu. Kwada kwavuza nophahla lwe Masjid, ndajonga uRasoolullah sallallahu alayhi wasallam ndabona ebunzini lakhe amanzi nodaka. Yayi yintsasa yomhla wamashumi amabini ananye. (Mishkaat)
Hadith 2
U-Ibni Abbas RadhiAllahu Anhu uchaza ukuba uRasoolullah sallallahu alayhi wasallam wathi, “Umntu ohlala i-itikaf uyahlambuluka ezonweni, kwaye ufumana umvuzo olinganayo nabo benza okulungileyo (nasekubeni yena engazenzanga ngenxa yokuba ehleli Itikaaf emasjid).” (Ibn Majah)
Hadith 3
U-Ibni Abbas RadhiAllahu Anhuma uthi ngenye imini wayehleli i-Itikaaf emasjid Nabawi sallallahu alayhi wasallam xeshikweni kufika ndoda ithile, eyathi yabulisa kuye yahlala phantsi. U-Ibni Abbas RadhiAllahu Anhuma uthi ndathi (mna) kuye: “Ndibona ingathi ukhathazekile kwaye kukho into ekuphazamisayo.” Lo ndoda yaphendula: “yathi ewe, O nyana kamalume kaRasoolullah sallallahu alayhi wasallam, Inene ikhona into endiphazamisayo kukho uxanduva endilityala mntu uthile. Ndiyafunga ngobungcwele bale ndawo umnikazi wayo aphumle kuyo (ingcwaba) (likaRasoolullah sallallahu alayhi wasallam), ngoku andikwazi ukuphumeza olo U-Ibni Abbas RadhiAllahu Anhuma wabuza: Ndingakuthethelela na kulo mntu? Lo ndoda yaphendula yathi: Kangangoko ukwazi ungenza njalo.” U-Ibni Abbas RadhiAllahu Anhuma wanxiba izihlangu zakhe wemnka emasjid. Lo ndoda ekubeni ibone oku (kuphuma kuka Ibni Abbas emasjid nasekubeni ehleli Iitikaaf) yathi kuye: Ulibele na ukuba uhleli Itikaaf?” Waphendula wathi Hayi, esitsho elila inyembezi andilibelanga, Koko Ndeva uRasoolullah sallallahu alayhi wasallam esithi kungekho kudala kakhulu lowo uthi ashiye indawo ebekuyo khona ukuze azokuzalisekisa imfuno yomntakwab, ukuzalisekisa lo mfuno kungcono kunokuba uhlale i-Itikaaf iminyaka elishumi, kwaye lowo uhlala i-Itikaaf usuku olunye khona ukuze azokufumana intando ka-Allah, u-Allah uyakubeka phakathi kwakhe nesihogo umgama ongange mihadi emithathu mihadi leyo ububanzi bayo bungango mgama ophakathi kwamazulu nomhlaba.” (Tabraani)
Hadith 4 Part 1
U-Ibni Abbas RadhiAllahu Anhuma uchaza ukuba inene weva uRasoolullah sallallahu alayhi wasallam esithi: Inene iJannat yenziwa inuke kamnandi kwaye ihonjiswe ukususela ekuqaleni konyaka uyokutsho ngexesha kufika inyanga yeRamdhaan. Xa bufika ubusuku bokuqala benyanga, kubhudla umoya osuka phantsi kwetrone, moya lowo ubuzwa ngokuba yimutheerah, ubangele amagqabi emithi enze ingxolo kunye nemiqheba yamacango yenze ingxolo, kulapho kuye kuvakale ingxolo emyoli engazange iviwe ngaphambili. Igqiyazana elinamehlo amnyama lase Paradesi liyakuza ngaphambili lide lizokubonakala kwibhalkoni yase Jannah, libongoza lisithi: Ingaba okhona na owenza idua ku-Allah ukuba u-Allah asitshatise naye?” Emva koko la magqiyazana ayakubongoza esithi: “O Ridhwaan, Mgcini cango lase Jannah, bobuphi obubusuku?” Uyakuphendula: “Labbaik, obu Inene bubusuku bokuqala beRamadhaan, lixesha apho iingcango zasejannah zivulelwa abo bazilayo kubalandeli baka Muhammad sallallahu alayhi wasallam.” URasoolullah sallallahu alayhi wasallam waqhubekeka esithi, u-Allah uthi: “O Ridhwaan vula iingcango zamazulu, kwaye O wena Maalik (umgcini wesihogo) vala iingcango zesihogo kwabo bazilileyo kubalandeli baka Ahmad sallallahu alahi wa sallam. “O Gabrieli yihla uye emhlabeni, uyokukhonxa ooSathana abangalawulekiyo ubaphose elwandle, khona ukuze bangaphazamisi, ukuzila kwabalandeli balowo uthandwayo Ndim uMuhammad sallallahu alayhi wasallam.
Hadith 4 Part 2
U-Allah uyalela ummazisi wasemazulwini, ukuba ukhwaze kathathu ngobusuku ngabunye beRamadhaan: Ingaba ukhona na ekukho into ayinqwenelayo kusini na khona ukuze ndizokumnika? Ingaba ukhona kusini na ofuna ukuguquka (ekungathobeleni) azokutsho u-Allah azokomnkela okokuguquka kwakhe ngenceba? Ingaba ukhona kusini na ofuna ukuxolelwa izono khona ukuze ndizokumxolela (izono zakhe)? Ngubani na ozakuthi abolekise kulowo Yena ubutyebi bakhe bunganciphiyo kunye nalowo unikezela ngokupheleleyo ngaphandle kokuthabatha okungenangcinezelo.” Kwakhona uRasoolullah sallallahu alayhi wasallam wathi: Yonke imihla ngexesha le iftaar u-Allah ukhulula iwaka waka (million) labantu kumlilo wesihogo, ebebesele befanele ukungeniswa kuso. Kubusuku bokugqibela kukhululwa esihogweni inani elilinganayo nelo nani belikhululwa kwiRamadhaan iyonke. Ngobusuku beLaylatul Qadr u-Allah uyalela uGabriyeli ukuba ehle eze emhlabeni neqela leeNgelosi. Bayehla bephethe iflag eluhlaza bayigxumeke phezu kweKa’ba. UGabriyeli unamaphiko alikhulu, kulo maphiko amabini avulwa ngobu busuku kuphela. Uwavula lamaphiko (mabini) khona ukuze agqume ukusuka entshona uyokutsho empuma. UGabriyeli ngobu busuku uthumela ezinye iiNgelosi ukuba ziye mbombone zone zomhlaba, khona ukuze zihambise iSalaam) kuye wonke umntu ezimfumene, ehleli phantsi okanye emile ethandaza okanye esenza iZikr. Zibabamba izandla kwaye zisithi Aameen kwizikhungo zabo (Dua) kude kufike umsobomvu. Xa kufika umsobomvu uyamemeza uGabriyeli athi: O ziNgelosi zika-Allah hambani.”
Apho thina iiNgelosi zibuzayo zithi:O Gabriyeli Yintoni na u-Allah ayenzele amakholwa ka Ahmad sallallahu alayhi wasallam kwizinto azibeke phambi Kwakhe? UGabriyeli alaihis salaam uyaphendula, “U-Allah uthe wabajonga ngenceba kwaye wabaxolela izono zabo ngaphandle kwabantu beendidi ezimbini.”
Hadith 4 Part 3
Kulapho thina maSahaba sathi sabuza, Ngobani O Rasoolullah sallallahu alayhi wasallam abo (ezondidi zabantu abangazojongwa ngenceba kwaye baxolelwe izono)? uRasoolullah sallallahu alayhi wasallam waphendula Wathi, ngabo bahlala benxilile rhoqo, ngabo bangaba thobeliyo abazali, kunye nabo baqhawula iqhina le mbeleko nezizalwane zabo kunye ne Mushaahin. Sabuza ukuba, ORasoolullah sallallahu alayhi wasallam ngumntu onjani iMushaahin? Waphendula, Ngulowo ucingela kakubi abantakwabo entliziyweni kwaye aqhawule iqhina lokuzalana nabo.”
Ngobusuku be Eid, bubusuku obubizwa ngokuba bubusuku bembuyekezo (Laylatul Jazaa). Ngentsasa yemini ye Eid u-Allah uthumela emhlabeni, kulapho zithi zime kwimbobo zeendlela, zibhengeza ngelizwi eliviwa yindalo yonke ngaphandle kwabantu nejinn.
O balandeli baka Muhammad sallallahu alayhi wasallam, yizani ngaphambili kwiNkosi yenu elungileyo enobubele, Yona inika kakhulu kwaye ixolela izona ezikhulu. Xa bephuma besiya kwindawo ye Eid Salaah, u-Allah uthi kwiiNgelosi, Inene yintoni na imbuyekezo yomsebenzi othe wawenza ngokupheleleyo umsebenzi wakhe?” Iingelosi ziyaphendula, “O Nkosi, into elungileyo inye kukuba anikwe umvuzo wakhe ngokupheleleyo.”
Hadith 4 Part 4
U-Allah athi: Ndinenza amangqina, O ziNgelosi Zam ngenxa yokuzila kwabo nangokuma kwabo ebusuku (Taraweeh) ngenyanga yeRamadhaan, njengomvuzo ndibanike ukukholiseka Kwam kwaye Ndibaxolele izono zabo. O zicaka Zam celani kum ngoku, Ndiyafunga ngentlonipheko Yam nangobukhulu Bam, Akukho nto niyakuyicela Kum kule ndibano yenu emalunga ne Aakhira yenu Koko Ndiyakuyinikezela, kanti nayiphi na into emalunga neDunya yenu ndiyakuyinika ingqwalasela. Ndifunga ngokuhlonipheka Kwam,nanini na uyithobela imiyalelo Yam, ndiyakuzigquma iimpazamo Zakho. Ndiyafunga ngokuhlonipheka Kwam Andisayi kukuhlaza phambi kwabo benza ububi nabo bangakholwayo. Hambani ngoku izono zenu zixolelwe. Nindikholisile Nam ndikholisekile Nini. Iingelosi ziyakugcoba kakhulu zivuyisane noko u-Allah athe wakunika le Ummah ngale mini ye Eid.” (Targheeb)