Iindlela zokufikelela eparadesi (Jannah)
Read Online:
1: Ukuguqukela ku-Allah emva kokona phambi konyezi
إِنَّ الْمُتَّقِينَ فِي جَنَّاتٍ وَعُيُون
Inene wona amalungisa aya kubaphakathi kweMiyezo nemithombo (Quran 51:15)
Enye yeekhwalithi zabo ezibangela ukuba bafumane iParadesi kukuthandaza ngonyezi becela ukuxolelwa izono zabo. U-Allah Ta’ala uthi kwi Quran:
وَبِالْأَسْحَارِ هُمْ يَسْتَغْفِرُون
Kwaye nangeeyure eziphambi konyezi ayeye acele itarhuku-Allah (Quran 51:18)
Ngaphandle kokunqula u-Allah Ta’ala ebusuku, amalungisa acela uxolelwa ngu-Allah ngenxa yokubulela ubungangamsha buka-Allah nokuvuma iimposiso zawo.
2: Ukunikezela kwisisa
إِنَّ الْمُتَّقِينَ فِي جَنَّاتٍ وَعُيُون
Inene wona amalungisa aya kubaphakathi kweMiyezo nemithombo (Quran 51:15)
Enye yeekhwalithi ekhokelela eParadesi kukunikezela kwisisa. U-Allah Ta’ala uthi kwiQuran eNgcwele:
وَفِي أَمْوَالِهِمْ حَقٌّ لِّلسَّائِلِ وَالْمَحْرُوم
Kanti nasebutyebini bawo (kwakuye kukhutswe) amalungelo abahlwempuzekileyo, abangqibi nababandezekileyo (Quran 51:19)
Bachitha ubutyebi kwisisa kwabo bahluphekileyo bacelayo kwaye bekhangela nabo bahluphekileyo kodwa bengaceli. Ngokuthi u-Allah akubize okukunikezela isisa njenge lungelo, kubonisa ukuba xa unika isisa umntu ohluphekileyo akumenzeli sibonelelo, koko luxanduva olubekwe ngu-Allah emagxeni wabatyebileyo.
3: Ukoyika isohlwayo sika-Allah
إِنَّ الْمُتَّقِينَ فِي جَنَّاتٍ وَنَعِيم
Inene wona amalungisa aya kubaphakathi kweMiyezo nolonwabo (Quran 52:17)
Enye yeekhwali thi eyakwenza bonwabe eJannah kukuba besoyika isohlwayo sika-Allah Ta’ala, nasekubeni bebehleli nezizalwana zabo kwaye besaphila apha emhlabeni:
قَالُوا إِنَّا كُنَّا قَبْلُ فِي أَهْلِنَا مُشْفِقِين
Baya kuthi: “Inene thina kwixesha elidlulileyo esasikunye nabantu bakuthi ngalo sisoyika (isohlwayo sika-Allah.)” (Quran 52:26)
Isiphumo koko kukuba u-Allah Ta’ala uyakubakhusela koko bakoyikayo (isohlwayo sesihogo).
4: Ukucela iparadesi
إِنَّ الْمُتَّقِينَ فِي جَنَّاتٍ وَنَعِيم
Inene wona amalungisa ayakuba phakathi kweMiyezo nolonwabo (Quran 52:17)
Enye yeekhwalithi eyakubenza bonwabe eParadesi, kukuba bebethe rhoqo becela ku-Allah iParadesi kwaye becela ukuba bakhuselwe kwisohlwayo sesihogo:
إِنَّا كُنَّا مِن قَبْلُ نَدْعُوهُ
Inene sasidla ngokucela kuYe ngaphambili. (Quran 52:28)
IHadith isiqinisekisa ngokuba,
مَنْ سَأَلَ اللَّهَ الْجَنَّةَ ثَلَاثَ مَرَّاتٍ قَالَتْ الْجَنَّةُ اللَّهُمَّ أَدْخِلْهُ الْجَنَّةَ وَمَنْ اسْتَجَارَ مِنْ النَّارِ ثَلَاثَ مَرَّاتٍ قَالَتْ النَّارُ اللَّهُمَّ أَجِرْهُ مِنْ النَّارِ
“Nawuphina lowo ucela ku-Allah iParadesi kathathu, iParadesi iyakuthi: “Yini na Allah mngenise eParadesi.” Kanti lowo ucela ukukhuselwa kathathu esiHogweni, isiHogo siyakuthi: “Yini na Allah mkhusele esiHogweni.” (Tirmidhi 2572)
5: Ukumisa ingqondo nomzimba emthandazweni
قَدْ أَفْلَحَ الْمُؤْمِنُون
Abaphumeleleyo ngokwenene ngamakholwa (Quran 23:1)
IQuran Engcwele icacisa ngeekhwalithi zamakholwa, emva koko ichaza ukuba iziqhamo zabo banezokhwalithi kukuba:
أُولَٰئِكَ هُمُ الْوَارِثُون الَّذِينَ يَرِثُونَ الْفِرْدَوْسَ هُمْ فِيهَا خَالِدُون
Abo ke ngabona zindlalifa zokwenyani. Bona bayakudla ilifa iFirdous (iParadesi). Bona baya kuhlala apho ngonaphakade (Quran 23:10-11)
Enye yeekhwalithi (zamakholwa) kukumisa ingqondo nomzimba emthandazweni. U-Allah Ta’ala uthi:
الَّذِينَ هُمْ فِي صَلَاتِهِمْ خَاشِعُون
Abo benza umthandazo ngokumisa ingqondo nokuzithoba (Quran 23:2)
Abashukushukumi ngokungeyomfuneko emthandazweni. Ingqondo, ingcinga zabo kunye nemizimba yabo ithobekile kwaye ithe qwa.
6. Ukuzikhwebula kwizinto ezingelo lutho
قَدْ أَفْلَحَ الْمُؤْمِنُون
Abaphumeleleyo ngokwenene ngamakholwa. (Quran 23:1)
IQuran Engcwele izoba umfanekiso wezinye iikhwalithi zamakholwa, kwaye isithi abo banezikhwalithi:
أُولَٰئِكَ هُمُ الْوَارِثُون الَّذِينَ يَرِثُونَ الْفِرْدَوْسَ هُمْ فِيهَا خَالِدُون
Abo ke ngabona zindlalifa zokwenyani, Abaza kudla ilifa iFirdous (iParasdesi). Bona, bayakuhlala apho ngonaphakade. (Quran 23:10-11)
Enye yeekhwalithi yabantu baseParadesi kukuba bayazikhwebula kubu xoki, okuquka ukwenza amahlakani no-Allah Ta’ala, nesono, kunye namazwi okanye izenzo ezingeloncedo. U-Allah Ta’ala uyayicacisa kwiQuran Engcwele:
وَالَّذِينَ هُمْ عَنِ اللَّغْوِ مُعْرِضُون
Nabo bazikhwebulayo kwintetho nezenzo ezingelo lutho. (Quran 23:3)
7. Ukubhatala iZakaat
قَدْ أَفْلَحَ الْمُؤْمِنُون
SAbaphumeleleyo ngokwenene ngamakholwa (Quran 23:1)
IQuran Engcwele izoba umfanekiso wezinye iikhwalithi zamakholwa, kwaye isithi abo banezikhwalithi:
أُولَٰئِكَ هُمُ الْوَارِثُون الَّذِينَ يَرِثُونَ الْفِرْدَوْسَ هُمْ فِيهَا خَالِدُون
Abo ke ngabona zindlalifa zokwenyani, Abaza kudla ilifa iFirdous (iParadesi). Bona bayakuhlala apho ngonaphakade. (Quran 23:10-11)
OEnye yezikhwalithi kukurhola iZakaat. U-Allah Ta’ala uthi kwiQuran Engcwele:
وَالَّذِينَ هُمْ لِلزَّكَاةِ فَاعِلُون
Nabo bahlawula iZakaat (Quran 23:4)
8. Ukukhusela ubunyulu bakho
قَدْ أَفْلَحَ الْمُؤْمِنُون
Abaphumeleleyo ngokwenene ngamakholwa (Quran 23:1)
IQuran Engcwele izoba umfanekiso wezinye iikhwalithi zamakholwa, kwaye isithi abo banezikhwalithi:
أُولَٰئِكَ هُمُ الْوَارِثُون الَّذِينَ يَرِثُونَ الْفِرْدَوْسَ هُمْ فِيهَا خَالِدُون
Abo ngabona zindlalifa zokwenyani, Abaza kudla ilifa iFirdous (iParadesi). Bona bayakuhlala apho ngonaphakade. (Quran 23:10-11)
Enye yeekhwalithi ezikhokelela ukuba umntu afumane iParadesi, kukuba umntu azibambe ekwabelaneni ngesondo ngaphandle komtshato, kunye nezinye indlela zokuzivisa kamnandi ngokwesondo okungavumelekanga umzekelo ukwabelana ningabesini esinye, u-Allah Ta’ala uthi kwiQuran Engcwele:
وَالَّذِينَ هُمْ لِفُرُوجِهِمْ حَافِظُون
Nabo balondoloza iindawo ezinqabileyo (ekungcoleni) (Quran 23:5)
Kuyinto encomekayo kwaye kuzisa umvuzo ukuba uzalisekise iinkanuko zesondo neqabane lakho ngokwasemtshatweni.
9. Ukunakekela okugcinisiweyo nokugcina izithembiso
قَدْ أَفْلَحَ الْمُؤْمِنُون
Abaphumeleleyo ngokwenene ngamakholwa. (Quran 23:1)
iQuran Engcwele icacisa nangakumbi iikhwalithi zamakholwa, kwaye isithi abo banezokhwalithi:
أُولَٰئِكَ هُمُ الْوَارِثُون الَّذِينَ يَرِثُونَ الْفِرْدَوْسَ هُمْ فِيهَا خَالِدُون
Aba ke ngabona zindla lifa zokwenyani. Abo ngabona zindlalifa zokwenyani, Abaza kudla ilifa iFirdous (iParadesi). Bona bayakuhlala apho ngonaphakade. (Quran 23:10-11)
Enye yeekhwalithi ezikhokelela ukuba abantu bangene iParadesi, kukuba xa begciniswe into, bayinakekele, kwaye xa bethembisile basigcine isithembiso. U-Allah. U-Allah Ta’ala kwiQuran Engcwele uthi:
وَالَّذِينَ هُمْ لِأَمَانَاتِهِمْ وَعَهْدِهِمْ رَاعُون
Ke bona abo bathembakeleyo koko bakugcinisiweyo nakwizithembiso zabo. (Quran 23:8)
10. Ukhusela umthandazo
قَدْ أَفْلَحَ الْمُؤْمِنُون
Abaphumeleleyo ngokwenene ngamakholwa. (Quran 23:1)
IQuran Engcwele icacisa ezinye iikhwalithi zamakholwa, ithi abanazo iikwalithi:
أُولَٰئِكَ هُمُ الْوَارِثُون الَّذِينَ يَرِثُونَ الْفِرْدَوْسَ هُمْ فِيهَا خَالِدُون
Abo ke ngabona zindla lifa zokwenyani. Abo ngabona zindla lifa zokwenyani, Abaza kudla ilifa iFirdous (IParadesi). Bona bayakuhlala apho ngonaphakade. (Quran 23:10-11)
Enye yezokhwalithi zikhokelela eParadesi kukukhusela umthandazo, ngokuthi uthandaze imithandazo ngexesha layo nangendlela engcono. U-Allah Ta’ala uthi kwiQuran Engcwele:
وَالَّذِينَ هُمْ عَلَىٰ صَلَوَاتِهِمْ يُحَافِظُون
Nabo balondoloza imithandazo yabo (ngononophelo olungqongqo) (Quran 23:9)
11. Ukungenzi bubi kwabanye abantu
UmProfethi Ohleniphekileyo Sallallahu Alayhi Wasallam naye ucacise iikhwalithi eziyakukhokelela ikholwa eParadesi:
اضْمَنُوا لِي سِتًّا مِنْ أَنْفُسِكُمْ أَضْمَنْ لَكُمُ الْجَنَّةَ
Ndiqinisekiseni ngezinto ezintandathu, mna ndiyakuniqinisekisa ngeParadesi. (Musnad Ahmad 22251)
Enye yezo zinto zintandathu kukungenzi ububi kwabanye abantu. IHadith isiyalela ukuba:
وَكُفُّوا أَيْدِيَكُمْ
Nqandani izandla zenu ekwenzeni ububi kwabanye abantu. (Ahmad)
12. Thethani inyani
UmProfethi Ohleniphekileyo Sallallahu Alayhi Wasallam ucacise iikhwalithi eziyakukhokelela eParadesi.
اضْمَنُوا لِي سِتًّا مِنْ أَنْفُسِكُمْ أَضْمَنْ لَكُمُ الْجَنَّةَ
Ndiqinisekiseni ngezinto ezintandathu, mna ndiyakuniqinisekisa ngeParadesi. (Musnad Ahmad 22251)
Ezinye zezikhwalithi kukuthetha inyani. IHadith isiyalela ukuba:
اصْدُقُوا إِذَا حَدَّثْتُمْ
Thetha inyani rhoqo uthetha. (Ahmad)
13. Ukwakha iMasjid
UmProfethi Sallallahu Alayhi Wasallam uthembise ngeParadesi kulowo wakha iMasjid.
مَنْ بَنَى مَسْجِدًا لِلَّهِ بَنَى اللَّهُ لَهُ فِي الْجَنَّةِ مِثْلَهُ
Nawuphi na lowo wakha iMasjid ngenxa ka-Allah kuphela, u-Allah uyakumakhela indlu efanayo eParadesi. (Bukhari 439)
14. Ukhangela ulwazi
UmProfethi Sallallahu Alayhi Wasallam uthembise ngeParadesi kulowo uzama ukufumana ulwazi (lwenkolo).
مَنْ سَلَكَ طَرِيقًا يَلْتَمِسُ فِيهِ عِلْمًا سَهَّلَ اللَّهُ لَهُ بِهِ طَرِيقًا إِلَى الْجَنَّةِ
Nawuphi lowo uthabatha uhambo ekhangela ulwazi (lwenkolo), u-Allah uyakumenzela lula indlela eya eParadesi. (Muslim 2699)
15. Ukhwaza i-Azaan
UmProfethi Sallallahu Alayhi Wasallam uthembise ngeParadesi kuye wonke umntu obizela abantu emthandazweni nge-Azaan.
مَنْ أَذَّنَ ثِنْتَىْ عَشْرَةَ سَنَةً وَجَبَتْ لَهُ الْجَنَّةُ
Nawuphi na lowo ukhwaza i-Azaan iminyaka elishumi elinambini iParadesi iqinisekisiwe kuye. (Ibn Majah 728)
16. Ukufunda amagama ka-Allah Ta’ala
IHadith ithembisa ngeParadesi kuye wonke umntu othi afunde okanye enze ngokwamagama amahle ka-Allah Ta’ala.
لِلَّهِ تِسْعَةٌ وَتِسْعُونَ اسْمًا، مِائَةٌ إِلاَّ وَاحِدًا، لاَ يَحْفَظُهَا أَحَدٌ إِلاَّ دَخَلَ الْجَنَّةَ
U-Allah unamagama ayi 99 ithetha ukuthi ekhulwini la magama Wakhe uthabatha igama elinye, nawuphi na okhelelwayo kwinto ethethwa ngala magama kwaye enze ngokwa lo magama, uyakuyingena iParadesi. (Bukhari 6410)
17. Usasaza Salaam
UmProfethi Sallallahu Alayhi Wasallam usinike izinto ezine emasizenze, eziyakusinika isiqinisekiso sokungena eParadesi. Uqinisekise ngokuba lowo wenza ezo zinto,
تَدْخُلُوا الْجَنَّةَ بِسَلاَمٍ
Uyakuyingena iParadesi ngoxolo (salaam). (Ibn Majah 3251)
Enye yezinto ezinokusingenisa iParadesi kukubulisa ngokuthi Salaam.
أَفْشُوا السَّلاَمَ
Sasazani iSalaam phakathi kwenu. (Ibn Majah)
18. Nika abantu ukutya
UmProfethi Sallallahu Alayhi Wasallam usinike izenzo ezine ezilula ukwenziwa, zenzo ezo zikhokelela eParadesi. Uqinisekisile kulowo uzenzayo ukuba uyakufumana iParadesi,
تَدْخُلُوا الْجَنَّةَ بِسَلاَمٍ
Uyakuyingena iParadesi ngoxolo (Salaam). (Ibn Majah 3251)
Esinye sezenzo esikhokelela ekungeneni eParadesi kukunika abantu ukutya.
وَأَطْعِمُوا الطَّعَامَ
Nika ukutya abanye abantu (Ibn Majah)
19. Qinisa amaqhina okuzalana
UmProfethi Sallallahu Alayhi Wasallam usinike izenzo ezine ezilula ukwenziwa,zenzo ezo zikhokelela eParadesi. Uqinisekisile kulowo uzenzayo ukuba uyakufumana iParadesi,
تَدْخُلُوا الْجَنَّةَ بِسَلاَمٍ
Uyakuyingena iParadesi ngoxolo (Salaam). (Ibn Majah 3251)
Esinye sezenzo ezikhokelela ekungeneni eParadesi kukuqinisa amakhonco okuzalana.
وَصِلُوا الأَرْحَامَ
Qinisa amakhonco okuzalana. (Ibn Majah)
20. Unqula ebusuku
UmProfethi Sallallahu Alayhi Wasallam usinike izenzo ezine ezilula ukwenziwa, zenzo ezo zikhokelela eParadesi. Uqinisekisile kulowo uzenzayo ukuba uyakufumana iParadesi.
تَدْخُلُوا الْجَنَّةَ بِسَلاَمٍ
Uyakuyingena iParadesi ngoxolo (Salaam). (Ibn Majah 3251)
Esinye sezenzo ezikhokelela eParadesi kukuchitha isiqingatha sobusuku ekunquleni u-Allah Ta’ala. UMujahid Rahmatullahi Alayhi kumalungisa kunqabile ukuwabona ephosa ukuthandaza iTahajjud (umthandazo wasebusuku). U-Anas Ibni Malik RadhiAllahu Anhu unoluvo lokuba lo mthandazo uquka nexesha eliphakathi kwe Maghrib ne Eshaa.
وَصَلُّوا بِاللَّيْلِ وَالنَّاسُ نِيَامٌ
Kwaye thandaza ngelixesha abantu belele. (Ibn Majah)
21. Utyelela abagulayo
من عاد مريضًا أو زار أخًا له في الله، ناداه منادٍ، بأن طبت، وطاب ممشاك، وتبوأت من الجنة منزلاً
Nawuphi na lowo utyelela umntu ogulayo okanye umntakwabo ngenxa yokuba efuna ukonwabisa u-Allah, ummemezi uyakwazisa: Wenze okulungileyo, inga uhamba kwakho kungasikeleleka, kwaye uzilungiselele indawo yokuhlala eParadesi. (Tirmidhi 2008)
22. Ukunakekela abantwana abangamantombazana
مَنْ كُنَّ لَهُ ثَلَاثُ بَنَاتٍ يُؤْوِيهِنَّ وَيَرْحَمُهُنَّ وَيَكْفُلُهُنَّ وَجَبَتْ لَهُ الْجَنَّةُ الْبَتَّةَ قَالَ قِيلَ يَا رَسُولَ اللَّهِ فَإِنْ كَانَتْ اثْنَتَيْنِ قَالَ وَإِنْ كَانَتْ اثْنَتَيْنِ قَالَ فَرَأَى بَعْضُ الْقَوْمِ أَنْ لَوْ قَالُوا لَهُ وَاحِدَةً لَقَالَ وَاحِدَةً
UmProfethi Sallallahu Alayhi Wasallam wathi, “Nawuphi na lowo unabantwana abathathu abangamantombazana obakhathaleleyo, onenceba kubo, uyabanxibisa, inene iParadesi iyimfuneko kuye.” Kwathiwa, “Yini Mthunywa ka-Allah Sallallahu Alayhi Wasallam, kuzakwenzeka njani xa umntu enabantwana abangamantombazana ababini?” UmProfethi Sallallahu Alayhi Wasallam waphendula wathi, “Nokuba unabantwana abangamantombazana ababini.” Abanye abantu babezibuza ukuba kengoku unomntwana oyintombazana omnye, umProfethi Sallallahu Alayhi Wasallam ngokuqinisekileyo ngetshilo ukuba nokuba mnye. (Musnad Ahmad 13835)