Go to: 112 Surah Ikhlaas | 111 Surah Lahab | 108 Surah Kawthar
112 Surah Ikhlaas
بِسْمِ اللَّهِ الرَّحْمَـنِ الرَّحِيمِ
Egameni lika-Allah uSolubabalo uSozinceba
- Yithi ngu-Allah, Mnye (Jwi)
- U-Allah nguNaphakade, Uphelele
- Akazali naYe Engazanga Wazalwa
- Ukanti akukho namnye ofana naYe
Naye u-At-Tirmidhi kunye Ibni Jarir bacaphule njalo kodwa bona bongezelela oku kucaphulo lwabo,
الصَّمَدُ
(As-Samad) Ngulowo Ungaziliyo kwaye engazelwanga, kuba konke okuzelweyo kuzakusweleka, kushiye ilifa, inene u-Allah akazosweleka kwaye akazoshiya lifa ngasemva
وَلَمْ يَكُنْ لَّهُ كُفُواً أَحَدٌ
(Ukanti akukho namnye ofana naYe) Kuthetha ukuba akukho nanye okanye namnye ofana naYe, akukho olingana naYe. U-Ibni Abi Hatim naye ucaphule ngokufanayo kanti yena u-At-Tirmidhi uchaze ukuba le ntetho iMursal. “Kwaye wathi olu lolona luvo luchanekileyo.”
IHadith malunga nobuhle besi sahluko
U-Al-Bukhari ucaphule ku Amrah bint Abdur Rahman radhiallahu anha, yena wayehlala kwindlu ka-A’ishah radhiallahu anha, unkosikazi kaMprofethi sallallahu alaihi wa sallam, uchaza ukuba u-A’ishah radhiallahu anha wathi, “UMprofethi wathumela indoda ethile ukuba ibe ngumphathi womkhosi kwaye yayikhokela amaqabane wayo emthandazweni icengceleza iQuran. Yayigqibezela umthandazo ngokuthi ifunde: Yithi Yena ngu-Allah,Mnye.” Bathi bakubuya emfazweni wachazelwa uMprofethi sallallahu alaihi wa sallam ngokwenzekileyo (ngokufundwa kuka Surah Ikhlaas ekupheleni kwemithandazo), Yena wathi,
سَلُوهُ لِأَيِّ شَيْءٍ يَصْنَعُ ذَلِكَ؟
(Mbuzeni ukuba kutheni ebesenza njalo) Bambuza, yena waphendula wathi, Kungenxa yokuba ichaza u-Ar-Rahmaan kwaye mna ndiyakuthanda ukuyicengceleza. Kengoko uMprofethi wathi,
أَخْبِرُوهُ أَنَّ اللهَ تَعَالَى يُحِبُّه
(Mxeleleni ukuba u-Allah Ta’ala Uyamthanda). “Le yindlela u-Al-Bukhari ayicaphule ngayo le Hadith kwincwadi yakhe incwadi yeTawheed. UMuslim kunye no-An-Nasai nabo bayicaphule kwincwadi yabo yomthandazo. U-Al-Bukhari ucaphule ukuba u-Anas radhiallahu anhu wathi, Kwakukho indoda yom-Ansaar eyayikhokela umthandazo wabantu kwi masjid yaseQuba. Ngalo lonke ixesha iqalisa ukufunda iSurah kumthandazo eyaybakhokela kuyo, yayiqala ngokufunda “Yithi Yena ngu-Allah, Mnye, ide iyokutsho ekupheleni kweSurah. Emva koko yayifunda enye iSurah. Le ndoda yayisenza lento kwiiRakaat zonke. Amaqabane wayo athetha nayo malunga noku esithi; Ngenene uqalise umthandazo ngale Surah (Surah Ikhlaas) ingaba ukubona kungonelanga na ukufunda yona yodwa ngalento ufunda kunye nayo enye isurah? Kengoko kungcono ukub a ufunde yona okanye uyiyeke ufunde enye iSurah. Yona lo ndoda yaphendula yathi, Andisayi kukuyeka (ukufunda uSurah Ikhlaas). Ukuba nifuna ndinikhokele (emthandazweni), ndiyekwenza njalo (ndifunda uSurah Ikhlaas), kodwa ukuba anikholwa koko, ndizakuyeka (ukunikhokela emthandazweni). Amaqabane wakhe ayemthabatha njengoyena mntu ufanele ukubakhokela emthandazweni, kwaye ayengafuni ukukhokelwa ngomnye umntu emthandazweni. Wathi wakufika uMprofethi bamxelela, yena wathi,
أَخْبِرُوهُ أَنَّ اللهَ تَعَالَى يُحِبُّه
Hini na bani bani! Yintoni na ekunqandayo ukuba wenze lonto amaqabane wakho akuyalela yona, kwaye yintoni na ebangela ukuba ufunde le Surah kwiRakaat zonke? Lo ndoda yaphendula yathi, Inene ndiyayithanda. UMprofethi sallallahu alaihi wa sallam waphendula wathi,
حُبُّكَ إِيَّاهَا أَدْخَلَكَ الْجَنَّة
Ukuyithanda kwakho kuza kungenisa eParadesi. Konke oku kuqulathwe ku-Al-Bukhari, ngetsheyini eli qhawuqhawukileyo,kodwa ngendlela ebonisa ukuyomkela kwakhe.
IHadith isichazela ukuba leSurah ilinganga nesinye esithathwini seQuran, uBukhari usicaphulela ku- Abu Saeed ukuba weva ukuba indoda ethile yeva enye indoda ifunda
قُلْ هُوَ اللَّهُ أَحَدٌ
(Yithi, “Ngu-Allah, Mnye”) ikuphindaphinda amatyeli amaninzi. Kusasa lo ndoda yaya kuMprofethi sallallahu alaihi wa sallam yamchazela, ngokungathi iyayeya (le Surah). UMprofethi sallallahu alaihi wa sallam wathi,
وَالَّذِي نَفْسِي بِيَدِهِ إِنَّهَا لَتَعْدِلُ ثُلُثَ الْقُرْآن
(Ndiyafunga Ngalowo ubomi bam busezandleni zaKhe, inene ilingana nesinye esithathwini seQuran.) U-Abu Dawood noNasai nabo bayicaphule l (leHadith). Enye iHadith icatshulwe nguBukhari iphuma ku-Abu Saeed inga u-Allah Angakholwa nguye, ukuba uMprofethi sallallahu alaihi wa sallam wathi kumaqabane wakhe
أَيَعْجِزُ أَحَدُكُمْ أَنْ يَقْرَأَ ثُلُثَ الْقُرْآنِ فِي لَيْلَةٍ
(Ingaba abanye benu abakwazi kusini na ukufunda isinye esithathwini ngobusuku obunye). (Ukufunda iQuran kangako] yayiyinto enzima kubo, baphendula bathi, “Ngubani na kuthi onokwazi ukwenza lonto, Yena uMprofethi ka-Allah sallallahu alaihi wa sallam waphendula wathi,
اللهُ الْوَاحِدُ الصَّمَدُ ثُلُثُ الْقُرْآن
(“U-Allah Mnye, nguNaphakade,Uphelele sisinye esithathwini seQuran.) UBukhari nguye yedwa oqulathe le Hadith.
Kwenye iHadith kuthiwa Ngokufunda yona kwenza kubeyimfuneko ukungeniswa eParadesi,u-Imaam Malik bin Anas ucaphule akufumene ku-Abu Hurairah radhiallahu anhu esithi, “Ndaphuma noMprofethi sallallahu alaihi wa sallam (apho) weva indoda ethile ifunda,” Yithi ngu-Allah Mnye (Jwi). Yena uMprofethi ka-Allah sallallahu alaihi wa sallam wathi,
وَجَبَت
(Kuyimfuneko) Mna ndabuza yintoni ezakuyimfuneko ,yena waphendula wathi
الْجَنَّة
(IParadesi)” UTirmidhi kunye noNasai’bona bayicaphule ngendlela Malik, kanti yena uTirmidhi uthe, iHasan Sahih Gharib, Wathi thina asiyazi ngaphandle kwaleyo ichazwe nguMalik. KwiHadith apho uMprofethi sallallahu alaihi wa sallam athe,
حُبُّكَ إِيَّاهَا أَدْخَلَكَ الْجَنَّة
Ukuyithanda kwakho kuyakubangela ungeniswe eParadesi.
IHadith malunga nokuphindaphinda le Surah, U-Abdullah bin Ahmad uqulathe oku Muadh bin Abdullah bin Khubayb,yena uchaza ukuba utata wakhe wathi, “Sanxanwa kwaye kwamnyama ngethuba silinde uMprofethi ka-Allah sallallahu alaihi wa sallam ukuba asikhokele emthandazweni. Ngelingeni waphuma wandibamba ngesandla wathi,
قُل
(Yithi,) Emva koko wathi cwaka. Kwakhona wathi, Yithi,
قُل
(Yithi.) Mna ndathi ndithini?” Yena wathi
قُلْ هُوَ اللَّهُ أَحَدٌ
وَالْمُعَوِّذَتَيْنِ حِينَ تُمْسِي وَحِينَ تُصْبِحُ ثَلَاثًا، تَكْفِكَ كُلَّ يَوْمٍ مَرَّتَيْن
(“Yithi ngu-Allah, Mnye) kunye neeSurah ezimbini zokucela ukukhuselwa (Al-Falaq kunye no-An-Nas) ebusuku nakusasa kube kathathu (iSurah nganye). Ziyakonela ngemini nganye loo maxesha mabini yonke imihla.”) Le Hadith ikwacatshulwe ngu-Abu Dawood, At-Tirmidhi kunye no-Nasi. UTirmidhi yena uthe le hadith, iHasan Ghareb. U-An-Nasai ukwayicaphule ngelinye itsheyini lona linamagama athi,
يَكْفِكَ كُلَّ شَيْء
(Ziyakwanelisa kwinto yonke.)
Kwenye incwadi ka-Nasai yeTafseer ucaphule ku-Abdullah bin Burayda yena ecaphula kutata wakhe, esithi wangena (utata wakhe) eMasjid noMprofethi ka-Allah sallallahu alaihi wa sallam, phakathi (apho eMasjid kwakukho indoda ethandazayo isithi, Hini na Allah! Inene, Ndiyacela ngokuba ndingqina ukuba akukho namnye ofanelwe ukukhonzwa ngaphandle kwakho, Wena UMnye, Akuxhomekekanga ntweni UNguMondli wento zonke, Akuzelanga kwaye Akuzelwanga Akukho namny olingana Nawe.” UMprofethi sallallahu alaihi wa sallam wathi,
وَالَّذِي نَفْسِي بِيَدِهِ لَقَدْ سَأَلَهُ بِاسْمِهِ الْأَعْظَم، الَّذِي إِذَ
Ndiyafunga ngaLowo ubomi bam busezandleni zaKhe, Inene le ndoda icele (ku-Allah) ngelona gama laKhe likhulu.
IHadith malunga nokucela ukuphiliswa ngokusebenzisa ezi Surahs.
UBukhari ucaphule ku-Aisha radhiallahu anha ukuba rhoqo uMprofethi ka-Allah sallallahu alaihi wa sallam esiya kulala, wayedibanisa izandla zakhe, avuthele kuzo. Emva koko acengceleze kuzo, Yithi, ngu-Allah, Mnye (Jwi), Yithi, Ndicela ukhuseleko ngeNkosi yom’sobomvu kunye no Yithi, Ndicela ukhuseleko ngeNkosi yoluntu. Wakugqiba osule intloko nobuso ngezandla zakhe kunye nangaphambili emzimbeni wakhe kathathu. Nabanye ababhali be Sunan bacaphule le Hadith
بِسْمِ اللَّهِ الرَّحْمَـنِ الرَّحِيمِ
Egameni lika-Allah uSolubabalo uSozinceba
قُلْ هُوَ اللَّهُ أَحَدٌ – اللَّهُ الصَّمَدُ – لَمْ يَلِدْ وَلَمْ يُولَدْ – وَلَمْ يَكُنْ لَّهُ كُفُواً أَحَدٌ
- Yithi ngu-Allah Mnye
- U-Allah nguNaphakade, Uphelele
- Akazali naYe Engazanga Wazalwa
- Ukanti akukho namnye ofana naYe.
Isizathu sokutyhilwa kwesi sahluko sele sichaziwe. U-Ikrimah uthi, Xa amaJuda ayesithi, Thina sikhonza u-Azayr, unyana ka-Allah, ukanti wona amaKrestu athi thina sikhonza uMesiya (uYesu, unyana ka-Allah,abo bazi Zoroestrian bona bathi, thina sikhonza ilanga nenyanga, kanti bona abo bakhonza izithixo bathi, thina sikhonza, U-Allah watyhila oku kulandelayo kuMprofethi sallallahu alaihi wa sallam wakhe,
قُلْ هُوَ اللَّهُ أَحَدٌ
(Yithi ngu-Allah Mnye) kuthetha ukuthi u-Allah Mnye, Akanabalingane, Akanabancedisi, Akakhuphisani (namntu okanye not) akukho ofana naYe. Eli gama lithi mnye angeze ukwazi ukulisebenzisa ngaphandle kwamathandabuzo ngaphandle kokuba ulisebenzisa ku-Allah uSomandla uSobungangamsha kuba kaloku Yena iikhwalithi zaKhe nezenzo zaKhe zigqibelele. Malunga nokuthi,
اللَّهُ الصَّمَدُ
(Allah As-Samad) u-Ikrimah uchaza ukuba u-Abbas radhiallahu anhum wathi, “Kuthetha ukuba uNgulowo yonke indalo ixhomekeke kuYe ngeemfuno zayo kunye nezicelo zabo (zixhomekeke kuYe.” U-Ali bin Talhah ucaphule ku –Ibni Abbas radhiallahu anhum, “Ukuba uyiNkosi Egqibeleleyo kulawulo lwayo Unguyena Uhloniphelikeyo, uSozinceba Ogqibeleleyo kwinceba yaKhe. Unguyena Unyamezelayo Ogqibeleleyo ekunyamezeleni kwaKhe, UNguSolwazi Ogqibeleleyo kulwazi lwaKhe, UNguSobulumko Ogqibeleleyo kubulumko baKhe. Yena Ugqibelele kwiinkalo zonke zokuhlonipheka kunye nokulawula. Yena ungu-Allah, iindumiso zonke zezaKhe. Ezi khwalthi zinxulunyaniswa naYe azifanelanga mnye ngaphandle kwaKhe. Akalingani nakanye nendalo yaKhe.Uzuko malube ku-Allah, Mnye, Akukwazi ukuhlala ngaphandle kwaKhe.” U’Amash ucaphule kuShaqiq, yena wathi u-Abu Wa’il wathi:
الصَّمَدُ
(As-Samad) yiNkosi Enolawulo Olugqibeleleyo.”
U-Allah Umsulwa ukuba Abenabantwana nokuba Azalwe, kengoko u-Allah Uthi,
لَمْ يَلِدْ وَلَمْ يُولَدْ – وَلَمْ يَكُنْ لَّهُ كُفُواً أَحَدٌ
(Akazali kwaye Akazelwanga, kanti Akukho namnye ofana naYe) Lonto ithetha ukuthi Akanamntwana, Akanabazali. Akana nkosikazi. UMujahid uthi
وَلَمْ يَكُنْ لَّهُ كُفُواً أَحَدٌ
(Akuko ofana naye) “Lonto ithetha ukuthi Akanaye unkosikazi.” Njengokuba u-Allah Esitsho,
بَدِيعُ السَّمَـوَتِ وَالاٌّرْضِ أَنَّى يَكُونُ لَهُ وَلَدٌ وَلَمْ تَكُنْ لَّهُ صَـحِبَةٌ وَخَلَقَ كُلَّ شَىْءٍ
(Yena nguMyili wamazulu nomhlaba, Angathini na ukuba nonyana ekubeni Engenamfazi? Yena Wadala zonke izinto yaye UnguMazi wezinto zonke). (6:101) Into ethetha ukuthi Yena unguMnini wento zonke kwaye udale yonke into. Kungakwazi njani ukuba Abeneqabane kwindalo yaKhe kwaye kungenzeka njani ukuba alingane (no-Allah) okanye isizalwane esifana naYe Makazukiswe, Ophakamuleyo kwaye oko kuyinto ekude ukuba ingenzeka. U-Allah Uthi,
وَقَالُواْ اتَّخَذَ الرَّحْمَـنُ وَلَداً – لَقَدْ جِئْتُمْ شَيْئاً إِدّاً – تَكَادُ السَّمَـوَتُ يَتَفَطَّرْنَ مِنْهُ وَتَنشَقُّ الاٌّرْضُ وَتَخِرُّ الْجِبَالُ هَدّاً – أَن دَعَوْا لِلرَّحْمَـنِ وَلَداً – وَمَا يَنبَغِى لِلرَّحْمَـنِ أَن يَتَّخِذَ وَلَداً – إِن كُلُّ مَن فِى السَّمَـوَتِ وَالاٌّرْضِ إِلاَّ آتِى الرَّحْمَـنِ عَبْداً – لَّقَدْ أَحْصَـهُمْ وَعَدَّهُمْ عَدّاً – وَكُلُّهُمْ ءَاتِيهِ يَوْمَ الْقِيَـمَةِ فَرْداً
Kananjalo bathi, “USozinceba Uthabathe (Uzele) unyana.” Inene, nenze eyona nto imbi. Amazulu anga angakrazuka, nomhlaba unga ungahlukana, neentaba zidilike ziphasalake. Into yokuba babalele unyana kuSozinceba (u-Allah), Kodwa asinto ifanelekileyo kuSozinceba ukuba abe nonyana, Akukho namnye emazulwini nasemhlabeni ongazi kuSozinceba ukuba abe sisicaka (saKhe.) Inene u-Allah Wazi umntu ngamnye kubo, yaye Ubabalile ngabalo olupheleleyo. Yaye ngamnye kubo uya kuYe (u-Allah) eyedwa ngoMhla woVuko. (19:88-95) Kwakhona u-Allah
وَقَالُواْ اتَّخَذَ الرَّحْمَـنُ وَلَداً سُبْحَانَهُ بَلْ عِبَادٌ مُّكْرَمُونَ – لاَ يَسْبِقُونَهُ بِالْقَوْلِ وَهُمْ بِأَمْرِهِ يَعْمَلُونَ
Ukanti bathi, “USolubabalo Uzele unyana” Makazukiswe Yena ukusuka apho bona abo kuthiwa ngoonyana baKhe, zizicaka zaKhe ezihloniphekileyo. Bona (abo bazizicaka zaKhe) abathethi kuqala kunaYe de kuthethe Yena yaye benza ngokomyalelo waKhe. (21:26-27) Kwakhona u-Allah Uthi,
وَجَعَلُواْ بَيْنَهُ وَبَيْنَ الْجِنَّةِ نَسَباً وَلَقَدْ عَلِمَتِ الجِنَّةُ إِنَّهُمْ لَمُحْضَرُونَ
سُبْحَـنَ اللَّهِ عَمَّا يَصِفُونَ
Kananjalo baye baqamba ukuhlobana phakathi kwaKhe neeJinn, kodwa zona iiJinn ziyazi (kakuhle) okokuba ziza kuma (phambi) kwaKhe ziphendule ngezenzo zazo. Uzuko lonke malube ku-Allah! (Okude lee) koko bakwayamanisa naYe! (37:158-159)
Kwi Sahih Al-Bukhari kucatshulwe ukuba uMprofethi ka-Allah wathi,
لَا أَحَدَ أَصْبَرُ عَلَى أَذًى سَمِعَهُ مِنَ اللهِ، يَجْعَلُونَ لَهُ وَلَدًا، وَهُوَ يَرْزُقُهُمْ وَيُعَافِيهِم
(Akukho namnye onomonde nenyameko kububi abuvayo ukugqitha u-Allah. Bamoyamanisa nonyana, kanti nguYe Obanika izibonelelo kwaye (inguYe) nobanyangayo) Al-Bukhari kwakhona ucaphule ku-Abu Hurayrah radhiallahu anhu ukuba uMprofethi ka-Allah sallallahu alaihi wa sallam wathi:
قَالَ اللهُ عَزَّ وَجَلَّ: كَذَّبَنِي ابْنُ آدَمَ وَلَمْ يَكُنْ لَهُ ذَلِكَ، وَشَتَمَنِي وَلَمْ يَكُنْ لَهُ ذَلِكَ، فَأَمَّا تَكْذِيبُهُ إِيَّايَ فَقَوْلُهُ: لَنْ يُعِيدَنِي كَمَا بَدَأَنِي، وَلَيْسَ أَوَّلُ الْخَلْقِ بِأَهْوَنَ عَلَيَّ مِنْ إِعَادَتِهِ، وَأَمَّا شَتْمُهُ إِيَّايَ فَقَوْلُهُ: اتَّخَذَ اللهُ وَلَدًا، وَأَنَا الْأَحَدُ الصَّمَدُ، لَمْ أَلِدْ وَلَمْ أُولَدْ، وَلَمْ يَكُنْ لِي كُفُوًا أَحَد
(U-Allah Uthi inzala ka-Adam iyandixoka kanti akufanelekanga ukuba yenze lonto, iyandihlukumeza kanti akufanelekanga ukuba yenze lonto. Malunga nokundiphika kwayo kukuba isithi, Yena (u-Allah Akasayi Kuphinda Andidale njengokuba Ebendidalile ekuqaleni. Kanti ukuphinda Simdale kokona kulula kunokuba Sasimdalile ekuqaleni. Ukundixoka kwayo, kukuba besithi Ndinonyana. Mna Ndimnye, iNkosi ezimeleyo ,Andizali,Andizelwanga kwaye Akukho namnye ofana Nam.
111 Surah Lahab
Satyhilwa eMakkah
بِسْمِ اللَّهِ الرَّحْمَـنِ الرَّحِيمِ
Egameni lika-Allah uSolubabalo uSozinceba
- Mazitshabalale zombini izandla zika-Abu Lahab (naye)
- Ubutyebi bakhe nabantwana bakhe bungamncedi nganto!
- Uza kutsiba edangatyeni loMlilo odwanguzayo!
- Nomfazi wakhe, umthwalikazi weenkuni.
- Entanyeni yakhe uya kuqanyangelwa ngentambo yomthi wesundu.
Isizathu sokutyhilwa kwesi sahluko kunye nokuziphakamisa kuka-Abu Lahab ngakuMprofethi ka-Allah
UBukhari ucaphule ku-Ibni Abbas radhiallahu anhuma ukuba uMprofethi sallallahu alaihi wa sallam ka-Allah waya kwintlambo yase Al-Batha, wenyuka intaba. Emva koko wamemeza,
يَا صَبَاحَاه
(Hini na bantu, Yizani nonke) AmaQuraysh angungelana ngakuye. Yena (Muhammad sallallahu alaihi wa sallam) waye wathi,
أَرَأَيْتُمْ إِنْ حَدَّثْتُكُمْ أَنَّ الْعَدُوَّ مُصَبِّحُكُمْ، أَوْ مُمَسِّيكُمْ أَكُنْتُمْ تُصَدِّقُونِّي
(Ingaba ukuba ndinokunixelela ukuba utshaba luza kunihlasela kusasa, okanye ebusuku,ingaba ningandikholelwa kusini na)Baphendula bathi “Ewe” (siyakukholelwa). Yena (Muhammad sallallahu alaihi wa sallam) waphendula wathi,
فَإِنِّي نَذِيرٌ لَكُمْ بَيْنَ يَدَيْ عَذَابٍ شَدِيد
(Inene, ndinguMlumkisi kuni phambi kokuba kufike isohlwayo esikhulu). U-Abu Lahab wathi, “Ingaba usiqokelele oku, Inga ungatshabalala!” Kengoko u-Allah watyhila,
تَبَّتْ يَدَآ أَبِى لَهَبٍ وَتَبَّ
(Mazitshabalale zombini izandla zika-Abu Lahab!) kude kuyokutsho ekupheleni kweSahluko. Kwenye inkcazo ithi waphakama (Abu Lahab) wavuthulula izandla zakhe, wathi, Inga ungatshabalala imini yonke! Ubusiqokelela apha ngenxa yalonto? U-Allah watyhila ,
تَبَّتْ يَدَآ أَبِى لَهَبٍ وَتَبَّ
(Mazitshabalale zombini izandla zika-Abu Lahab!) Umgca wokuqala sisiqalekiso kuye (Abu Lahab) kanti wona owesibini ziinkcukacha malunga naye. U-Abu Lahab wayengomnye womalume baka Mprofethi ka-Allah sallallahu alaihi wa sallam. Igama lokwenene yayi ngu Abdul Uzza bin Abdul Mutalib. Ifani yakhe yayingu Abu Utaybah, kodwa wayebizwa ngokuba ngu –Abu Lahab ngenxa yokukhazimla kobuso bakhe. Wayethe gqolo evisa kabuhlungu uMprofethi ka-Allah ﷺ. Wayemcaphukela kwaye emzonda kunye nenkolo yakhe i-Islam. U-Imaam Ahmad ucaphule ku-Abu Az-Zinad ukuba indoda eyayisakwaziwa ngokuba ngu-Rabiahbin Abbad wohlanga lwama Bani Ad-Dil ongomye wabo babekhona ngexesha lobumnyama (Jahilliya) womkela i-Islam, yena (u-Rabiah bin Abbad) wathi kuye(Abu Az-Zinad, “Ndabona uMprofethi ﷺ ngexesha eli phambi kwe-Islam (Jahilliya kwimarike yase Dhul –Majaaz esithi,
يَا أَيُّهَا النَّاسُ، قُولُوا: لَا إِلهَ إِلَّا اللهُ تُفْلِحُوا
Hini na Bantu! Yithani akukho namnye ofanele ukukhonzwa ngaphandle kuka-Allah (ngokwenza njalo) nizakuphumelela.) Abantu babe ngungelane kuye, kodwa ngemva kuye kwakukho le ndoda enobuso obukhazimlayo, enamehlo aligxwemu enenwele eziphothwe kabini. Yayisithi, ungumlahli –nkolelo (yokhokho bayo ) kunye nexoki “Le ndoda yayimlandela (uMprofethi ka-Allah ﷺ apho akhoyo.Yena (uRabiah bin Abbad) uthi ndabuza ukuba ngubani na lona, abantu baphendula bathi, ngumalume wakhe, u-Abu Lahab.” U-Ahmad ucaphule esisicatshulwa kuSurayj, yena esicaphula ku-Ibni Abu Az-Zinad yena esicaphule kutatawakhe u-Abu Zinad naye ucaphule eso sicatshulwa sinye. Kodwa yena kwinkcazelo yakhe, u-Abu Zinad wathi, “Ndathi ku-Rabiah, ingaba wena wawuse ngumntwana kusini na ngelo xesha?” Yena waphendula wathi, “Hayi. Ndiyafunga ngo-Allah, ngalo mini ndandingoyena ukrelekrele, kwaye ndandi yingcali yokuvuthela ixilongo (lomculo). U-Ahmad nguye yedwa owacaphula le Hadith. Malunga
مَآ أَغْنَى عَنْهُ مَالُهُ وَمَا كَسَبَ
(Ubutyebi bakhe nabantwana bakhe bungamncedi nganto! U-Ibni Abbas nabanye bathi
وَمَا كَسَبَ
(Abantwana bakhe (Kasab) abasayi kumnceda) “Kasab kuthetha abantwana bakhe. Ingxelo enjalo sikwayifumana ku-A’ishah radhiallahu anha, Mujahid, Ata, Al-Hasan kunye no-Ibni Masood radhiallahu anhu uthi ngethuba uMthunywa ka-Allah ﷺ ebizela abantu kwinkolo ye-Islam, u-Abu Lahab ,nokuba umtshana wam undibiela kwinto eyinyani, ndizakuzikhulula (ndizakuzisindisa kweso sohlwayo semini yomgwebo ngobutyebi bam kunye nangabatwana bam.” U-Allah watyhila,
مَآ أَغْنَى عَنْهُ مَالُهُ وَمَا كَسَبَ
(Ubutyebi bakhe nabantwana bakhe bungamncedi nganto! Emva koko Wathi u-Allah,
سَيَصْلَى نَاراً ذَاتَ لَهَبٍ
(Uzakungena edangatyeni loMlilo odwanguzayo.)
وَامْرَأَتُهُ حَمَّالَةَ الْحَطَبِ
Isiphelo sika Umm Jamil, unkosikazi ka-Abu Lahab
(Nomfazi wakhe, umthwalikazi weenkuni) Umfazi wakhe waye yinkokhelikazi yamaQuraysh kwaye esaziwa ngokuba ngu-Umm Jamil. Igama lomfazi wakhe yayingu Arwa bint Harb bin Umayyah, engudade ku-Abu Sufyan. Wayemxhasa umyeni wakhe ekungakholweni kwakhe, nasekugatyeni kwakhe i-Islam. Kengoko uzakuncedisa ekohlwayweni kwakhe emlilweni wesihogo ngeMini yoMgwebo.
U-Allah Uthi,
وَامْرَأَتُهُ حَمَّالَةَ الْحَطَبِ – فِى جِيدِهَا حَبْلٌ مِّن مَّسَدٍ
(Nomfazi, umthwalikazi weenkuni entanyeni yakhe uya kuqanyangelwa ngentambo yomthi wesundu), into ethetha ukuthi,uzakuthwala iinkuni, aziphose kuye (ku-Abu Lahab) umyeni wakhe ukongenza kwisohlwayo sakhe.
فِى جِيدِهَا حَبْلٌ مِّن مَّسَدٍ
(Entanyeni yakhe uya kuqanyangelwa ngentambo yesundu.”) UMujahid kunye no-Urwa bathi, “ngentambo yomthi wesundu lomlilo.” U-Al-Awfi usichazela ukuba ngowakufumana ku-Ibni Abbas radhiallahu anhuma, Atiya Al-Jadali, Ad-Dahhak kunye no-Ibni Zayd ukuba (umfazi ka-Abu Lahab) wayedla ngokubeka ameva endleleni apho ahamba khona uMprofethi ka-Allah ﷺ. Al-Jawhari wathi, Al-Masad kuthetha iintambo eyenziwe ngomthi wesundu okanye ngoboya beenkamela. Ngesi-Arabu kuthiwa Masdtul –Habla nokuba Amsaduhul Masadan,xa ubopha intambo uyiqinise.” UMujahid wathi,
فِى جِيدِهَا حَبْلٌ مِّن مَّسَدٍ
Entanyeni yakhe uya kuqanyangelwa ngentambo yesundu (Masad). Kuthetha Ingqosha yentsimbi.
Ibali lomfazi ka-Abu Lahab lokonzakalisa uMprofethi ka-Allah ﷺ, u-Ibn Abi Hatim wathi, utatawakhe kunye no-Abu Zur’ah bobabini bathi u-Abdullah bin Az-Zubayr Al- Humaydi wabaxelela ukuba u-Sufyan u-Al –Walid bin Kathir wacaphula ku-Ibn Tadrus yena wacaphula ku-Asma bint Abi Bakr radhiallahu anhuma wathi,”Ngethuba kutyhilwa u-
تَبَّتْ يَدَآ أَبِى لَهَبٍ
U-Ummi Jamil bint Harb onemehlo elinye waphuma esenza isijwili. enilitye esandleni sakhe. Wayesithi, (UMuhammad ﷺ) ugxeka utata wethu, kunye nenkolo yakhe, kwaye uyalela ukuba singathotyelwa. UMprofethi ka-Allah ﷺ wayehleli eMasjid (Ka’aba) kunye no-Abu Bakr radhiallahu anhu. U-Abu Bakr radhiallahu anhu wathi wakumbona, Hini na Mthunywa ka-Allah ﷺ! Uyeza (umfazi ka-Abu Lahab), Ndoyikisela akubone. UMprofethi ka-Allah ﷺ waphendula wathi,
إِنَّهَا لَنْ تَرَانِي
(Inene akasayi kundibona)
Emva wafunda iivesi ezithile zeQuran khona ukuze akhuseleke. Wakwenza oku njengokuba Esitsho u-Allah,
وَإِذَا قَرَأْتَ الْقُرءَانَ جَعَلْنَا بَيْنَكَ وَبَيْنَ الَّذِينَ لاَ يُؤْمِنُونَ بِالاٌّخِرَةِ حِجَابًا مَّسْتُورًا
Kananjalo wena (Muhammad ﷺ) xa ucengceleza iKuran Sibeka umkhusane phakathi ongabonakaliyo phakathi kwakho nabo bangakholwayo kuBomi oBuzayo (ukuze bangayiva) Weza phambili wada wazokuma phambi ko-Abu Bakr ngaphandle kokubona uMprofethi ka-Allah ﷺ. Emva koko wathi, Hini na Abu Bakr! Ndixelelwe ukuba umhlobo wakho imibongo endihlazayo malunga nam. U-Abu Bakr waphendula wathi, Akunjalo! Ndifunga ngeNkosi Yalendlu (Ka’aba) akakuhlazi. Wajika wahamba esithi, Inene ndiyintombi yenkokheli.” Al-Walid kolunye ucaphulo lwale Hadith, ndiyintombi yomnye umntu. Kengoko wakhubeka kwilaphu awayelibophe esinqeni ngethuba ejikeleza iKa’ba (Tawaaf), Isiqalekiso masibe kulowo undigxekayo. “Yena u-Ummi Hakim bint Abdul Mutallib wathi, Ndingumfazi onyulu, andisayi kuthukisa, ndingumfazi osulungekileyo, andazi (ngomgxeki wakho). Kuba sobabini singabantwana baka-malume omnye. Kodwa wona amaQurayshb azi ngcono.
108 Surah Kawthar
Esi sahluko sathyilwa eMadinah Munawwarah okanye eMakkah Mukarramah
بِسْمِ اللَّهِ الرَّحْمَـنِ الرَّحِيمِ
Egameni lika-Allah uSolubabalo uSozinceba
إِنَّآ أَعْطَيْنَـكَ الْكَوْثَرَ
Inene wena (Muhammad ﷺ) Sikuphe iKawthar
UMuslim, Abu Dawood kunye no An-Nasai baqulathe ukuba u-Anas radhiallahu anhu wathi,
“Ngethuba sasihleli noMthunywa ka-Allah, wathi wozela. Emva koko wathi waphakamisa intloko yakhe encumile. Thina sabuza sathi, Hini na Mthunywa ka-Allah! Yintoni na ekwenza uncume ‘Yena waphendula wathi, Inene kutyhilwe kum isahluko (Surah) ngoku. Wacengceleza wathi,
إِنَّآ أَعْطَيْنَـكَ الْكَوْثَرَ – فَصَلِّ لِرَبِّكَ وَانْحَرْ – إِنَّ شَانِئَكَ هُوَ الاٌّبْتَرُ
Inene wena Sikuphe iKawthar
Ngoko ke thandaza eNkosini yakho, unikele (amadini) kuYo
Inene lowo ukuchasileyo nguye oza kunqanyulwa (angabikho alityalwe)
Emva koko wathi, Niyayazi na ukuba yintoni na iKawthar? Thina saphendula sathi u-Allah noMprofethi ﷺ waKhe bazi ngcono,
Yena wathi,
فَإِنَّهُ نَهَرٌ وَعَدَنِيهِ رَبِّي عَزَّ وَجَلَّ،عَلَيْهِ خَيْرٌ كَثِيرٌ، هُوَ حَوْضٌ تَرِدُ عَلَيْهِ أُمَّتِي يَوْمَ الْقِيَامَةِ، آنِيَتُهُ عَدَدُ النُّجُومِ فِي السَّمَاءِ، فَيُخْتَلَجُ الْعَبْدُ مِنْهُمْ فَأَقُولُ: رَبِّ إِنَّهُ مِنْ أُمَّتِي، فَيَقُولُ: إِنَّكَ لَا تَدْرِي مَا أَحْدَثَ بَعْدَك»
Inene, Yona (iKawthar) ngumlambo iNkosi yam, eNamandla Nobungangamsha Indithembise ngawo kwaye kuyo kukho okulungileyo okuninzi. Yona liqula apho i-Ummah yam izakuthi iziswe kulongemini yoMgwebo. Iziqulathi (containers) (ecaleni kwalo) zizakube zininzi okwee nkwenkwezi esibhakabhakeni. Esinye sezicaka zika-Allah sizakunqandwa (ukuba sizokusela) Mna ndizakuthi:
“Hini Nkosi! Lona ngomnye wabalandeli bam.”
Yena u-Allah Uzakuthi:
“Inene, (wena) akuzazi izinto ezintsha athe weza nazo emva kwakho.”
La ngamagama ka-Muslim(igama lencwadi yeHadith)
U-Ahmad yena usibalisela ngale Hadith iphuma Muhammad Ibni Fudayl, yena eyibaliselwa ngu-Al-Mukhtar bin Malik.
Kwakhona u-Imaam Ahmad ukwasibalisela ngomnye umlibo wayo ophuma ku-Anas radhiallahu anhu, ukuba uMthunywa ka-Allah ﷺ wathi:
دَخَلْتُ الْجَنَّةَ فَإِذَا أَنَا بِنَهْرٍ حَافَتَاهُ خِيَامُ اللُّؤْلُؤِ، فَضَرَبْتُ بِيَدِي إِلَى مَا يَجْرِي فِيهِ الْمَاءُ، فَإِذَا مِسْكٌ أَذْفَرُ، قُلْتُ: مَاهَذَا يَا جِبْرِيلُ؟ قَالَ: هَذَا الْكَوْثَرُ الَّذِي أَعْطَاكَهُ اللهُ عَزَّ وَجَل
Ndangena eParadesi ndafika kumlambo ononxweme lweentente. Ndathi ndakufaka isandla sam kumanzi walo aqengqelekayo ndafumanisa ukuba anevumba elikhulu lweMusk. Mna ndabuza. “Hini na Gabriyeli! Yintoni lena.”
Yena waphendula wathi, Lena yiKawthar u-Allah, uSomandla uSobungangamsha Akunike yona.”
Kanti yena u-Al-Bukhari kwi Sahih yakhe ngokunjalo uMuslim ngegunya lika-Anas bin Malik radhiallahu anhu. Ngokwembaliso yabo u-Anas radhiallahu anhu wathi, Ngethuba uMprofethi ﷺ enyusiwe esiwe emazulwini, Wathi,
أَتَيْتُ عَلَى نَهْرٍ حَافَتَاهُ قِبَابُ اللُّؤْلُؤِ الْمُجَوَّفِ فَقُلْتُ: مَا هَذَا يَا جِبْرِيلُ؟ قَالَ: هَذَا الْكَوْثَر
Ndafika kumlambo oneendonga ezingathi ngoongquphantsi beperile eliholoho. Mna ndabuza ukuba yintoni na le? Hini na Gabriyeli!
Yena waphendula: “Lena yiKawthar.”
La ngamagama asetyenziswe nguBukhari.
U-Ahmad yena ubalisa ukuba u-Anas radhuallahu anhu uthi indoda ethile yabuza yathi,
“Hini na Mthunywa ka-Allah ﷺ! Yintoni iKawthar?
هُوَ نَهْرٌ فِي الْجَنَّةِ أَعْطَانِيهِ رَبِّي، لَهُوَ أَشَدُّ بَيَاضًا مِنَ اللَّبَنِ، وَأَحْلَى مِنَ الْعَسَلِ، فِيهِ طُيُورٌ أَعْنَاقُهَا كَأَعْنَاقِ الْجُزُر
Yena waphendula wathi, ngumlambo eParadesi iNkosi yam endinike wona .Umhlophe ukogqitha ubisi kwaye usweet ukogqitha ubusi .Kuwo kukho iintaka ezinentamo ende ngokufana neecarrot.
U-Umar radhiallahu anhu yena wathi, “Hini na Mthunywa ka-Allah ﷺ! Ngokuqinisekileyo ezo ntaka zizakuba ntle.”
UMprofethi ﷺ waphendula,
آكِلُهَا أَنْعَمُ مِنْهَا يَا عُمَر
“Lowo uzakuthi azitye (abantu baseParadesi) baza kubabahle ukogqitha zona, Hini na Umar.”
UBukhari ucaphula kuSa’id bin Jubayr ukuba u-Ibni Abbas radhiallahu anhum wathi malunga neKawthar, “Kokulungile u-Allah akunike yena (uMprofethi ﷺ).”
U-Abu Bishr yena uthi ndathi, ku Sa’id bin Jubayr, “Abantu babanga ukuba ngumlambo oseParadesi.” USai’id yena waphendula wathi, “Lo mlambo useParadesi uyinxalenye yoko kulungileyo u-Allah akunike yena.”
U-Al-Bukhari kwakhona ucaphule kuSa’id bin Jubayr ukuba u-Ibni Abbas radhiallahu anhum wathi, “Al-Kawthar kukulunga okuninzi.”
Le ngcaciso lo mlambo kunye nezinye izinto. Kuba eli gama lithi Kawthar liphuma kwigama elithi Kathrah (ninzi) kwaye ngokwa sekusetyenzisweni kolwimi kuthetha ukulunga okuninzi. Ngokwalapha ukulunga kuthetha umlambo (eParadesi).
U-Imam Ahmad yena ucaphule ku-Ibni Umar ukuba uMthunywa ka-Allah ﷺ wathi,
الْكَوْثَرُ نَهْرٌ فِي الْجَنَّةِ حَافَتَاهُ مِنْ ذَهَبٍ، وَالْمَاءُ يَجْرِي عَلَى اللُّؤْلُؤِ، وَمَاؤُهُ أَشَدُّ بَيَاضًا مِنَ اللَّبَنِ، وَأَحْلَى مِنَ الْعَسَل
IKawthar ngumlambo eParadesi iindonga zawo zezegolide kwaye amanzi awo ahambe kwiiperile. Amanzi awo amhlophe ukogqitha ubisi kwaye aswiti ukogqitha ubusi.
Le Hadith ikwacatshulwe ngoluhobo nguTirmidhi, Ibni Majah, Ibni Abi Hatim kunye no-Ibni Jarir.
U-At-Tirmidhi, wathi “Hasan Sahih.”
Emva koko u-Allah Uthi,
فَصَلِّ لِرَبِّكَ وَانْحَرْ
Ngoko ke thandaza eNkosini yakho, unikele (amadini) kuYo.
Kengoko, guqukela eNkosini yakho wenze idini. Intio ethetha ukuthi, njengokuba Sikunike okulungileyo okuninzi kweli hlabathi nakwixa elizayo –kengoko thandaza imithandazo yakho elunyanzelo kunye naleyo ingelo nyanzelo uyithandazela iNkosi yakho yodwa.
Nqula Yena Yedwa kwaye ungenzi mahlulelane naYE.
Xa usenza idini lenze ubiza laKhe yeDwa,ngaphandle kokwenza oomahlulelane naYe
Emva u-Allah Uthi,
قُلْ إِنَّ صَلاَتِى وَنُسُكِى وَمَحْيَاىَ وَمَمَاتِى للَّهِ رَبِّ الْعَـلَمِينَ – لاَ شَرِيكَ لَهُ وَبِذَلِكَ أُمِرْتُ وَأَنَاْ أَوَّلُ الْمُسْلِمِينَ
“Yithi ‘Inene iSalaat yam, ukuzinikela kwam, ukuphila kwam nokufa kwam kokuka Allah, iNkosi yamaphakade. Yena Akanamahlulelane. Kananjalo mna ngako oku ndiyalelwe, yaye mna ndingowokuqala kwaba ngamaMuslim (6:162-163)
U-Ibn Abbas, Ata, Mujahid, Ikrimah radhiallahu anhum kunye no-Al-Hasan bonke bathi kufuneka kwenziwe idini ngeBudn.
Qatadah, Muhammad bin Ka’ab, Al-Qurazi, Ad-Dahhak, Ar-Rabi, Ata Al-Khurasani, Al-Hakam, Ismaeel bin Abi Khalid kunye nezinye iinkonde zenkolo nazo luluvo lwazo.
Oku kuyakhabana nendlela abenza ngayo abo bakhonza izithixo, bona baqubuda kwabo bangaphandle kuka-Allah kwaye xa besenza idini balenza ngokubiza amanye amagama ngaphandle kwegama lia-Allah.
U-Allah Ta’ala Uthi:
وَلاَ تَأْكُلُواْ مِمَّا لَمْ يُذْكَرِ اسْمُ اللَّهِ عَلَيْهِ وَإِنَّهُ لَفِسْقٌ
Ningayidli nina loo nyama lingabizwanga igama lika-Allah phezu kwayo ngexesha lokuxhelwa kwayo kuba kukuphambuka (ukungathobeli u-Allah). (6:121)
Utshaba luka Mprofethi ﷺ lunqanyulwe
U-Allah Uthi:
إِنَّ شَانِئَكَ هُوَ الاٌّبْتَرُ
Inene lowo ukuchasileyo nguye oza kunqanyulwa (angabikho alityalwe)
Ithetha ukuthi,Inene lowo ukuthiyileyo, Hini na Muhammad ﷺ, kwaye ukuthiyile noko uthe weza nako kusisikhokelo, inyani, ubungqina obucacileyo kunye nokukhanya, yena lowo nguye onqanyulweyo kwaye asokuze akhunjulwe.
U-Ibni Abbas, Mujahid, Sai’d bin Jubayr radhiallahu anhum kunye noQatadah bonke bathi, “Le vesi yatyhilwa malunga no Al–As bin Wa’il. Yena ngalo lonke ixesha uMthunywa ka-Allah libizwa igama lakhe (ekhona), yena wayesithi, “Myekeni lo, kuba inene ungumntu onqanyulweyo (akananzala ingamadoda, kengoko akazokukhunjulwa.) U-Allah Watyhila le vesi.”
UShamir bin Atiyah wathi, “Le vesi yatyhilwa malunga no –Uqbah bin Abi Mu’ayt.” U-Ibni Abbas radhiallahu anhuma kunye no-Ikrimah bobabini bathi, “Le Surah yatshilwa malunga noKa’ab bin Ashraf kunye neqela lama Quraysh ayengakholwa.”
Al-Bazzar ucaphule ukuba Ibni Abbas radhiallahu anhuma wathi, UKa’ab bin Ashraf weza eMakkah amaQuraysh athi kuye, “Wena uyinkokheli yabantu. Ingaba uthini na ngalo mntu ungenanto wenziwe ikheswa ngabantu bakhe, Ubanga ukuba ungcono kunathi nasekubeni thina singabantu balapha kule ndawo kwenziwa kuyo iHajj, kwaye thina sithi abanika abantu abeze kwiHajj amanzi.” Yena waphendula wathi, “Nonke ningcono kunaye.”
Kengoko u-Allah watyhila:
إِنَّ شَانِئَكَ هُوَ الاٌّبْتَرُ
Inene lowo ukuchasileyo nguye oza kunqanyulwa (angabikho alityalwe).
Lena yindlela u-Al-Bazzar ayicaphule ngayo esi siganeko kwaye ityathanga lababalisi baso bathembakele.
Yena ucatshulwa ukuba wathi, Le Surah yatyhilwa malunga no –Abu Lahab ngethuba kusweleke unyana kaMthunywa ka-Allah ﷺ. U-Abu Lahab waya kubakhonzi bezithixo wathi kubo,
UMuhammad ﷺ unqanyulwe (kuthetha ukuthi) ukususela ngobu busuku uMuhammad ﷺ kwinzala yakhe engamadoda.”
Malunga nesisiganeko u-Allah watyhila l,”
إِنَّ شَانِئَكَ هُوَ الاٌّبْتَرُ
Inene lowo ukuchasileyo nguye oza kunqanyulwa (angabikho alityalwe)
USuddi yena uthi, Xa kusweleka abantwana abangamakhwenkwe baka Muhammad ﷺ bathi unqanyuliwe.
Apho u-Allah Ta’ala watyhila,”
إِنَّ شَانِئَكَ هُوَ الاٌّبْتَرُ
Inene lowo ukuchasileyo nguye oza kunqanyulwa (angabikho alityalwe)
Ngenxa yokungazi kwabo babecinga ukuba kuba beswelekile abantwana bakhe abangamakhwenkwe kuzakuthi nqam ukukhunjulwa kwakhe.
Inga u-Allah angasikhusela! Ngokukhabanayo noko u-Allah Wakugcina ukukhunjulwa kwakhe, khona ukuze ihlabathi lonke lizokubona, kwaye Wenze ukuba kubelunyanzelo ukulandelwa kwemithetho yakhe. Ukukhunjulwa kwakhe kuyakuqhubekeka kude kufike imini yomgwebo. Inga iintsikelelo neenceba zika –Allah zingakuye ide yimini yomgwebo.